Malema: ‘Malungu e-EFF ningayi ecaweni, niza kufa’

UMongameli weEFF uJulius Malema UMFANEKISO: Nhlanhla Phillips/ ANA
UMongameli weEFF uJulius Malema umemelele kumalungu alo mbutho ukuba angalibeki ecaweni esithi ukuvulwa kweecawe “sisabatha sokubulala” abantu.


Esenza intetho kwiiofisi zalo mbutho eRhawutini ngoLwesine, uMalema uchaze izinto eziliqela ebezibhengezwe nguMongameli Cyril Ramaphosa ngeCawe esithi iEFF ayihambisani nazo. Ezi zinto ziquka ukuthengiswa kotywala, ukuvulwa kwezikolo neecawe kwisigaba sesithathu seLockdown.

“Ndifuna ukwenza isimemelelo kwiinkokheli zezenkolo, sanukuzivula iicawe zenu. Ukuba niyabathanda abantu benu, baxeleleni ukuba bangezi ecaweni.

“Siyathandaza nathi kwiEFF futhi siyayixhasa icawe. Sithi kumalungu nabaxhasi beEFF, ningayi ecaweni. Sisabatha sokunibulala eso kwaye niza kufa,” utshilo uMalema.

Ukanti icawe iZion Christian Church (ZCC) ibhengeze ukuba ayizukuvula yona kwisigaba sesithathu seLockdown.

Kwakhona, amaSabatha (Seventh-day Adventist Church) amemelele kwiityalike zawo ukuba zingavuli de isigqeba senkonzo siphumeze imiqathango yokhuseleko.