Ayi24 amabhuma achithiweyo, kwabanjwa ishumi!

Umfanekiso: REUTERS/ Siegfried Mogola
UMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeeNkosi ephondweni uXolile Nqatha, uwuqhwabele izandla umsebenzi owenziwe ngamapolisa ephondo owokuchitha amabhuma njengoko ewabona njengalawo atyeshele imiqathango karhulumente ebibekiwe yokumiswa kweentshukumo elizweni.
Isiko lolwaluko yenye yezinto ebinqunyanyisiwe kweli xesha ngenxa kabhubhane weKhorona.
Uthi ukuqhubekeka kwesiko lolwaluko ngeli xesha lokumiswa kweentshukumo kukudelela imiqathango. Uthi akukho zindawo zitheni emaziqhubekeke nolwaluko, lwanqunyanyiswa kuMzantsi Afrika wonke kuba kusiliwa ukunwenwa kweKhorona.

“Ukuzokuthi ga ngoku alishumi elinesithathu amatyala avuliweyo, kwabanjwa abantu abalishumi ngokolusa kodwa beyazi kwanqunyanyiswa. Kwaze kwachithwa amabhuma angamashumi amabini anesine. Sikwabulela nabahlali abathe basebenzisana namapolisa bechaza emapoliseni ezi ndawo zinamabhuma angekho semthethweni,” utshilo uNqatha.

UNqatha ubulele neenkosi zasekuhlaleni noluntu ngenxaxheba abayidlalileyo ekulweni lo mba wamabhuma.
 
Uthi bayayikhuthaza le nto kuba iza kukhusela ubomi babantu.

La mabhuma abhaqeke kwezi ndawo zilandelayo: eSajonisi, Ngqeleni, Tsolo, Indwe, Mthatha, Mdantsane, Scenery Park naseNxarhuni.

Usihlalo weNdlu yeeNkosi ephondweni uNkos’ Mwelo Nonkonyana ubongoze iiNkosi ekubeni ziqaphele ngamaxesha onke kwaye ziyilwe into yolwaluko kwiindawo zazo ekuhlaleni.

“Sihlaba ikhwelo kubazali babantwana kwakunye neentsapho bayithobele imiqathango yelockdown, bangathumeli abantwana babo entabeni ngeli xesha. Nabazali bangoyiki bavule ityala bavulele abo bolusa iintsana zabo ngaphandle kwemvume yabazali,” utshilo uNkosi Nonkonyana.