UNtseki akamxhibanga uZungu owathetha into ayithandayo kuTwitter!

Molefi Ntseki coach of South Africa during the Molefi Ntseki Press Conference on 24 January 2020 at SAFA House, Pic Sydney Mahlangu/BackpagePix

Umqeqeshi
weBafana Bafana, uMolefi Ntseki, uthi akukho kujongana ngezikhondo zamehlo okukhoyo
phakathi kwakhe nomdlali wasesiswini, uBongani Zulu. Kwinyanga engaphaya
kwephelileyo, uZungu wasebenzisa amazwi angamnandananga kuTwitter emva
kokungaqukwa kwakhe kuluhlu lwamagama wabadlali ababeza kuya enkampini yeBafana
Bafana eyayilunguselela ukudibana neSao Tome emdlalweni ohlakulela iAfrica Cup
of Nations ekunyaka ozayo. Yonke imidlalo yeCaf yaye yahlehliswa ngenxa yokuqhambuka
kwekhorona esele ichaphazele abantu abangaphaya kwezigidini ezihlanu ehlabathini
lonke. Zange akwamkele ukungachongwa kwakhe uZungu. Yiyo lo nto wakhetha
ukubhodla imbilini yakhe kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter. UNtseki uthe
akamxhibanga uZungu – kodwa uyibethelele into wonke umdlali okulungeleyo
ukudlala, uza kulifumana ithuba lokudlalela iqela lesizwe.

“Kudala
ndisithi nawuphi na umdlali okulungeleyo ukudlalela aBafana Bafana uza kudlala.
Zange ndathi uZungu sokuze abuye alidlalele iqela lesizwe. Xa sikhetha
abadlali, sijonga umdlalo esiza kuwudlala, amalungiselelo nendlela esiza
kuyihamba. Yiyo lo nto sabona okokuba abanye abadlali ngeke baye enkampini.
Akukho namnye umntu endixabene naye. Kungatshona ilanga xa ndinokuthetha ngomdlali
ngamnye endingathanga. Yenziwe nkulu kakhulu into yokushiywa kukaZungu. Imbi
ngoba isivimba ithuba lokuthetha ngabanye abadlali,” utshilo uNtseki ethetha
ne-Independent kutshanje. UZungu ngomnye wabadlali abazenzela igama kwitumente
ye-Afrika (2019 AFCON) ebibanjelwe eYiphutha – kodwa ngelishwa lakhe, iqela
lakhe ekuthiwa yi-Amiens liye lathotyiselwa kwiLigue 1 yaseFrance. Wonke
umqeqeshi ayafuna ukubona abadlali abafana noZungu, uLebo Phiri noKamehelo
Mokotjo beqhuba kakuhle kwiindawo abakuzo,” utshilo uNtseki.

“Xa bephumelele
iindebe iba yinto entle ngoba lo nto ibanalo ifuthe kwabanye abadlali.
Ukuthotyiselwa kwe-Amiens ziindaba ezimbi kuZungu ngoba iza kuhlala kwimbali
yakhe,” utshilo uNtseki.