Umsasazi ucela ukwakhelwa indlu

Umsasazi wesikhululo sasekuhlaleni iEkhephini Community Radio yaseBarkley East, uFikile Dyantyi, ucela uncedo, ukuze yena nosapho lwakhe bafumane indawo yokufihla intloko UMFANEKISO: FACEBOOK

Umsasazi wesikhululo sasekuhlaleni iEkhephini Community Radio yaseBarkley East, ucela uMsamariya oLungileyo ukuba ancede usapho lwakhe lubenendawo yokufihla intloko – indlu ngamanye amagama.

UFikile Dyantyi (30), owenza inkqubo yomculo kamaskandi kwesi sikhululo, uphumele elubala ngentlungu yosapho lwakhe. Uthi oku kungenxa yokuba ixesha elide umama wakhe wayehlalisana notata othile kwilokishi iLulama Hlanjwa eBarkley East, bona bakhulele phantsi kwalo tata.

Ukusweleka kwalo tata ngo2013, usapho lwalo tata lufikile lusithi mabakhangele enye indlu.

UDyantyi ulivolontiya kwesi sikhululo kwaye uthi imali ayanelanga ukuba anganika isidima yena nomama wakhe kwakunye nosisi wakhe omncinane.

Umama kaDyantyi uphangela kwiifama kwaye akakafikeleli kwiminyaka yenkamnkam yabadala.

“Ukusweleka kwalo tata, abantwana balo tata bazile kwakhona bathi indlu singayigcina. Kodwa ngoku siyakhutshwa kule ndlu sihlala kuyo, ndicela uncedo kuye nabani onosinceda nam ndibe nendawo yokufihla intloko. Abasinyanzelisi ngokuphuma kodwa ndibona isazela sokuba sihleli kwindlu yabo ixesha elide.

“Ndim nomama wam nosisi wam oza emveni kwam, asinanto, ndicela uncedo nakuye wonke ubani onokusinceda sibenendawo yokufihla intloko,” utshilo uDyantyi.

“Bendicela uncedo nokuba yimalana ebantwini sizakhele ikhaya nomama wam nodade wam. Ukutya kona sizokuthenga ngalo macebo simana ukuwafumana.”

Onokunceda olu sapho angaqhakamshelana nephephandaba I’solezwe lesiXhosa kwi-imeyili ethi isibhalo@inl.co.za okanye atsalele uDyantyi ku 073 008 0004.