Lihlazo ubuKumkani babaThembu

Xa ukhangela imbali yobukhosi belizwe loMzantsi Afrika, ufumana imbali ecacileyo yamadoda ayesilwela ukukhusela imihlaba yawo, ilizwe labo nabantu babo, bezincama, bencama konke.

Abanye kwaba sithetha ngabo bade banqunyulwa iintloko (Kumkani Hintsa Aah! Zanzolo 1789 -1835) besilwela izizwe zabo nemihlaba yabo.

Abanye bakhetha ukutshona elwandle besityiwa zizilo zolwandle bengavumi kuthobela umcinezeli wabo (Nkosi Nxele Makhanda 1780-1819). Abanye babuya bengamathambo esiqithini, kuba babengofunga bengabajiki (Nkosi Maqoma AAA!!! Jongumsobomvu 1798-1873).

IKumkani yabaThembu, uKumkani uSabatha Dalindyebo AAA!!! Jonguhlanga (1928-1986) wancama ikhaya, usapho nomhlaba wooyise waya kubhubhela elubhacweni eZambia engavumi kuthobela utshaba.

Ngenxa yamanyathelo nobugorha bukaKumkani uSabatha, isizwe sabaThembu satsho saba nesidima nesihomo phakathi kwezinye izizwe. Xa kunamhlanje ungatsho ngaphandle kwamathandabuzo ukuba esi sizwe silihlazo phakathi kwezinye izizwe ngenxa yeziganeko ezenzeka kuso.

Yinto eyazekayo ukuba nakwesiphi isizwe iingxaki zikhona, kodwa amadoda okujongana neengxaki nawo Akhona ukukhusela isizwe, ukukhusela ubuKumkani, imbali nomzila womnombo weso sizwe.

Ububhutyubhutyu esibubona ebaThenjini benza ukuba sibe nemibuzo yokuba ngenene ingaba iKumkani iyabekwa okanye izalwa inazo iimpawu negazi lokukhokela abantu. Kuthiwa iKumkani zazikhethwa ngabantu kuqala ngenxa yokubona iimpawu ezithile, namhlanje azibekwa kuba kwabekwa ooyisemkhulu, koko ziyazalwa.

Ingaba la madoda akhoyo anazo iimpawu ezifana nezooyise nooyisemkhulu ezibonisa ukuba bakufanele ukuphatha abantu? Ngenene lihlazo isizwe sabaThembu, kuba izinto ezithethwe ngamacalana omabini aphixanayo phaya ziyothusa kakhulu.

Indoda evuthiweyo, ingeyoNkosi okanye iKumkani iyacinga phambi kokuba ivule umlomo, izibuza ukuba le nto ifuna ukuyithetha ifanelekile na.

Indoda evuthiweyo entloko iyamhlonipha uyise nokuba sele ehamba ze, kuba ngokuhlonipha uyise ihlonipha izihlwele zekhaya, isizwe noluntu ngokubanzi.

Inkokheli izalwa kanye zezi mpawu zingentla itsho ikhokele ke. Ngenxa yefuthe lokuphiwa kwayo ukukhokela nguQamata nezihlwele zekhaya, kuye kungabikho mfuneko yokuba ivule umlomo yona, kodwa amadoda ayingqongileyo ngawo athetha, exoxa izinto.

Izindlu zonke zasebaThenjini zichaphazelekile kweli hlazo kwaye azimsulwa, kuba omnye ungena eBumbane athethelele elinye icala, logama omnye ethethelela elinye. Khumbulani baThembu ukuba esi sizwe nizalwa kuso sizele iingadluma zeenkokheli ebezingengabo oozungulichele, ndixela uKumkani uSabatha Dalindyebo, Rholihlahla Mandela, ooDaliwonga Mathanzima nabanye.

Ginyani ukuzingca, nokuzidla, nempakamo nidibanise isizwe sika Ndaba sikaNgqolomsila, sikaYem-Yem sikaNgangelizwe sikaNgubengcuka. Imirholo le yenye yeengxaki ezingunobangela wokumka kwesidima nesithozela seeKumkani neeNkosi zeMveli.