Inkundla yaseNgqushwa kwityala lokubulawa kwendoda yaseMgababa!

BABUYELA kwiNkundla yaseNgqushwa abarhanelwa abathandathu nekuquka kubo owasetyhini, nabajongene netyala lokugwinta uFundisile Swapi, 64, welali yaseMgababa eNgqushwa.

Esi sithandathu sivele ngoMvulo umhla wesibhozo enkundleni malunga netyala esibekwe lona lokubulala.

Ngokwengxelo ephuma kuKapteni Khaya Tonjeni, ukubanjwa kwaba barhanelwa kuza emva kokuba ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga ephelileyo, abarhanelwa bangena bengabhungisanga bezogqume ubuso kwikhaya likaSwapi esazibukelele umabonakude nenkosikazi yakhe.

Ngokwengxelo abayifumene kwinkosikazi le, bonke aba barhanelwa babexhobe ngezikhali. Ukungena kwabo bangqala ngqo kumyeni bemhlasela ngezi zikhali ababeziphethe.

Inkosikazi yona yathathwa ngabarhanelwa bayisa kwelinye igumbi yogqunywe ngomqamelo ubuso lo gama abanye beqhubekeka nokonzakalisa umyeni wayo.

UTonjeni uthi akukho nanye into eyathathwayo kweli khaya ngabarhanelwa, ukugqiba kwabo baphuma babaleka.

USwapi walandwa yiAmbulensi imleqisa esibhedlele nanjengoko wayesaphila kodwa etsala nzima kodwa woyisakala ngenxa yamanxeba anzulu emzimbeni wabhubha.

Abecuphi besikhululo saseMoyeni, uWO Lungisa Makina kwakunye noSiyabulela Moni abaphethe eli tyala, balandelela kwamkhondo abawufumanayo nobeneziphumo ezihle zokubanjwa komrhanelwa omnye onamashumi amathathu anesithathu.

Lo mrhanelwa mnye nguye owachaza nabanye ngethuba ekudliwanondlebe nabecuphi betyala.

Aba barhanelwa ngowasetyhini omnye uPhumlisa Deyi, 34, kwakunye namadoda amahlanu uSiyabulela Nzelani , 26, Khanyisa Ncumani , 33, Siviwe Ngqangweni, 28, kwakunye noBathandwa Mzwali.

Oyena nobangela wokubulawa kukaSwapi awukaziwa, usaphandwa. Bangaphakathi eziseleni belindele usuku lwabo lokuvela namhlanje (Lwesine).

abongile.ginya@inl.co.za