Masisombulule iingxaki zethu ngaphandle kotywala

Kungamatyeli ngamatyeli urhulumente esiwa evuka ezama le, athi esajonge le, kuvele le.

Ingxaki egubungele lonke eli limiweyo sisifo esingabonwa mntu esibhubhisa omdala nomncinane. Sithe sisajonge leyo kwavalwa utywala, kwalawuleka ilizwe, wathetha urhulumente ecebisa abantu ngamaqhinga okunciphisa ulwasuleleko phezu kweengqondo ezikwaziyo ukuhluza okulungileyo. Kodwa kunjalo nje bebekhona ababhongayo bekhonya bekhalazela ukuvalwa mba kweendawo zentselo jikelele.

Esi sifo asinyangeki kuba akukho chiza laziwayo elinokusinyanga okanye kunqandwe ukusabalala kwaso. Abakhanyiselwe ngakumbi kunabanye nabajonge inzuzo kushishino lotywala bathathe lo rhulumente uxakene nalo bhubhane uzama isisombululo sokuba kusinde uwonkewonke ongummi kweli lizwe, wasiwa kwiinkundla zamatyala ukuyokutshutshiswa ngokunyevulela amalungelo abantu, abanye bethembisa ukuba bazokumsa kwiinkundla zamatyala eziphezulu kuba evale le mithombo impompoza ubhelu lomsele.

Yonke le nkquleqhu ke iinjongo zayo bathi kukhuselwa amalungelo oluntu, kwelinye icala urhulumente ukhusela impilo yoluntu. Iyofuna ubani ke azihluzele ekholisa yena kweli lizwe lenkululeko sime kulo. Namhlanje urhulumente ukhuthaza ukuba wonke ubani asele utywala bakhe endlini, uyokuqaphela ke ukuba indlu leyo yindawo apho elikhaya lomntu wonke.

Kulapho isiqalo sesimilo nengqeqesho yakhe nabani na axhonkxwa khona. Le ndawo kuthiwa likhaya yeyona inika umntu imvelaphi negama kunye nemfudumalo ekumele ingqongwe ziimfundiso ezakhayo zelo khaya.

Ikwayile ndawo urhulumente ayikhuthaza ukuba ibe yindawo yentselo, bantu abo baselayo uninzi lwabo ilulutsha, nalutsha olo lunabantwana abahlala nabo ukuya kubazali abaselula kobu buzali, kulapho ke baselela khona ngokungenankathalo, benze yonke into emanyukunyezi ubani ebengenokuyenza xa engazintyintyanga ngotywala. Siyabona kwiindawo ngeendawo nakumakhasi ezonxibelelwano ukuba ukusetyenziswa kotywala ngokungenankathalo kusezingeni eliphezulu kakhulu kwaye kubeka impilo yomntu obuselayo emngciphekweni nakulowo ungabuseliyo.

Oonogada abasebenza kwezi ndawo zentselo baxakene nabantu abazintyintye ngokungathi ingomso alikho, beqoqosha zimilo ezibhencwe kwabo butywala bunye, amagosa ezendlela axekene nabantu abaqhuba bezintyintye ngotywala beqhuba begaxeleka ezingozini, oomongikazi kunye noogqirha beli lizwe baxakene namagumbi aphuphumayo kuba abantu besebenzise utywala bagaxeleka kwiingozi, abanye bexhaxhana, abanye bayadlwengula bekwatyhola obu tywala.

Le nyanga sikuyo yenye yeenyanga ezibaluleke kakhulu apha eMzantsi Afrika kodwa kunamhlanje nje ulutsha luthe gabhu ebhekileni lulibele, imiphefumlo eyayilulutsha ngoko ilwela amalungelo la siwafumeneyo ngoku akunoba luyazingca ngolutsha lwanamhlanje.

Eli lithuba lokuba abantu bazibhence, bazijonge ngaphandle nangaphakathi ukuba yintoni na abanokuyenza ngcono ukuphuhlisa amakhaya abo, kwaye ukusela ngokungenankathalo ayikokunyhasha iimpilo namalungelo abantu ababangqongileyo kusini na?

Yintoni abanokuyenza ngcono ukuguqula isimo sempilo zabo, yintoni ubani anokuyenza ukukhulisa ngcono abantwana bakhe abanike umkhombandlela njengamzali? Zonke ezi mpendulo awunokuzifumana unengqondo esoloko iphazamisekile butywala ngalo lonke ixesha, umntu athi efumana iinkozo ahambe aye kugoba iingqiniba emzini wentselo.

Xa siqhubeka ngokuzibhakaxa etywaleni ingakumbi phambi kwabantwana esibaziyo ukuba bafunda ngokubona, baphinde bafunde ngokwenza, lo nto ithetha ukuba sihlwayela imbewu embi engazukuchuma kwikamva lolutsha lwethu.

Iziphumo zale mpalalo azizovunwa sithi, zizokuvunwa ngabantwana bethu kunye nesizukulwana esizayo, kwaye ayilokamva liqhakazileyo.

Masikhusele inzala yethu ngokuthi sisele ngokunenkathalo, eli thuba lelokuba siselele endlini, siqinise iintsika zobudlelwane kwiintsapho zethu ukomeleza isiseko samakhaya ethu, sifumane ithuba lokuba siqhawule la matyathanga sizibona sizibhijele ngawo okuxhomekeka etywaleni.

Urhulumente ujongene neempilo zethu kwaye wonke ubani kumele athabathe uxanduva ukuncedisana naye ukufumana isisombululo sokulwa nalo bhubhane wesi sifo, icoronavirus ngolwasemzini.

Ikwalilo nethuba elihle lokuba sikwazi nokufumana isisombululo esinokuthi sincedise wonke ubani ekusetyenzisweni kotywala ngendlela ephucukileyo eneziqhamo ezihle kumntu oselayo utywala, kumntu wonke othengisa utywala, nakumntu wonke oxhamlayo ngokomsebenzi etywaleni, kuba eneneni asikho isizwe esiphumelela simanyane ngokuba sisela ukogqitha ezinye, kwaye isizwe esinesiseko esisukela etywaleni sisizwe esingaxabisekanga nesingenasidima kwezinye.

Iingxaki zethu zonke singazisombulula ngaphandle kokusebenzisa utywala ngokungenankathalo.

UPumlani Fani liGosa lezoNxibelelwano

eMpuma Koloni.

UPumlani Fani ligosa lezonxibelelwano eMpuma Koloni