UCecil ubeke phantsi kwiBlitzbokke

UCecil Afrika ubeke phantsi embhoxweni wehlabathi emva kokudlalela iqela lesizwe labasixhenxe, iSpringboks Sevens, iminyaka elishumi elinanyeumfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Indlela kaCecil Afrika kwiqela lesizwe labadlali abasixhenxe ekuthiwa yiBlitzbokke (Springboks Sevens) iphelile ngendlela embi ngenxa yekhorona.

Abaphathi mabhengeze iindaba ezithi isivumelwano sakhe neBlitzbokke esiphelelwa kwinyanga ezayo siza kuqhawulwa ngoba zonke iitumente zomboxo ziye zarhoxiswa ngenxa yekhorona.

Ngalo ndlela ibe kukubeka kwakhe phantsi kwiqela lesizwe. Lo nto ithethe ukuthi uCecil Afrika uphosiwe kukudlala kwi-Olimpiki ehlehlisiweyo nayo ebiza kusingathwa sisixeko saseTokyo, eJapan, kulo nyaka.

Igama lika-Afrika lakusoloko liphakathi kwabadlali bombhoxo abathe qabavu nabenze umahluko omkhulu kwimbali yeBlitzboke.

UCecile, 32, udlale iitumente ezingaphaya kwamashumi amathandathu ukusukela mhla wadlala umdlalo wakhe wokuqala kwiBlitzboke ngo-2009.

Ukhokele iqela lesizwe elizuze iindebe neembasa kwiitumente zahlabathi ngonyaka ka-2017 no-2018.

Kwakumeluba uCecil ubeke phantsi kwakudala – kodwa kuba umqeqeshi wakhe, uNeil Powell, ebefuna abe yinxalenye yeqela eliya kwi-Olimpiki kulo nyaka. waye wamgcina.

Akwenzekanga oko ngenxa yekhorona emise zonke izinto kwihlabathi.

“Umdlali ngamnye uyazi okokuba ngenye imini liza kufika ixesha lokuyeka ukudlala.

Ukuba kwiBlitzbokke ibe yinto enkulu ebomini bam. Ndibulela inkxaso nenkuthazo endizifumene kubalandeli. Ndinethemba lokuba baya kuqhubela phambili nokundixhasa naxa ndingasadlali,” utshilo uCecil Afrika waseBhayi.

Unconyiwe kekambe ngumqeqeshi wakhe owakhe wadlala naye.

“Impumelelo ayizuzileyo embhoxweni uchaza into ayiyo. Ndibe nethamsanqa ngoba ndadlala naye – kodwa ndaphinda ndangumqeqeshi wakhe. Ungumdlali onesiphiwo okhathazwe kukonzakala amaxesha amaninzi. Uye wawuxhoma umgangatho kwaye siyalibulela igalelo lakhe kwiqela lesizwe labasixhenxe,” utshilo uPowell.