Iyabuya ibhola, iinkampani zilwa ngePSL!

Dr Irvin Khoza

Kungenzeka ibhola ekhatywayo ibuyele emabaleni kwinyanga ezayo. Oku kuza kwenzeka kuphela xa urhulumente esamkela isicwangcisa sokhuseleko esiqulunqwe yiPSL neSafa.

Kwinyanga ephelileyo, uMphathiswa weZemidlalo neNkcubeko uNathi Mthethwa ucele iinkokeli zebhola zasekhaya ukuba zidibanise iintloko zize neqhinga elinokunceda ukuze kugqitywe isizini yePSL.

Imidlalo ye-Absa Premiership yanqunyanyiswa kwiinyanga ezigqithileyo ngenxa yekhorona esele ihlasele abantu abangaphaya kwamashumi amahlanu amawaka apha eMzantsi Afrika kuphela.

Kwiveki ephelileyo, ikomiti ebinikwe uxanduva ikwazile ukuza nendlela amaqela angayilandela ukuze kusindiswe abadlali kwikhorona – kodwa ke ngoku kulindwe ilizwi kurhulumente.

“Abantu banganxami. Silinde isikhokelo kurhulumente. Amaqela sele eqalisile ukucoca iindawo zokuhlala kwaye akulungele ukulandela umthetho oyakuthi ubekwe ngurhulumente,” utshilo uTebogo Motlanthe weSafa kumajelo eendaba kutshanje.

Bathe abantu besaswantsuliswa yikhorona, * -Absa wabhebgeza iindaba ezithi uyayeka ukuxhasa iPSL ekupheleni kwesizini.

Ziindaba ezibothusileyo kakhulu abantu abaninzi. Asikacaci isizathu esibangele * -Absa angasihlaziyi isivumelwano sakhe nePSL emva kweminyaka elishumi elinantandathu exhasa ibhola ekhatywayo.

Ngenxa yokuqhokreka koqoqosho kwihlabathi lonke, kukho uloyiko lokunqaba kwenkxaso kwicandelo lezemidlalo – kodwa ngethamsanqa, ingathi iinkampani ziza kutyhilizana ngokuxhasa iPSL engumququzeleli omkhulu wezemidlalo eMzantsi Afrika.

Abasemfuthweni wolwazi bathi iinkampani ezaziwayo ezifana noBidvest noBetway zigxeleshe ukuthatha indawo ka-Absa kwaye zizimisele nokugalela imali engaphaya kwebifunyanwa yiPSL ngaphambili.

Umdla weenkampani ezinkulu ngeke wothuse mntu ngoba iPSL izenzele igama njengelona qumrhu lebhola eliphampili kwizwekazi le-Afrika yonke.

Nangani kusekutsha – kodwa kulindeleke iPSL ibhengeze umxhasi omtsha ekupheleni kwesizini ka-2019/20.