Amanina axhalabile kukubulawa kwawo

Nosipho Jombile

Amakhosikazi eNdlu yoWisomthetho eBhisho athi azonwabisi izenzo ezithe gqolo ukwenzeka mva nje zokuxhatshazwa kwanokubulawa kwamanina.

Isikhalo sala makhosikazi silandela emva kokugwintwa kabuhlungu kowayesebenza kule Ndlu yoWisomthetho, uNosipho Sidabuka-Jombile, 51, owayesebenza kwicala loonondaba, esebenzisana neentatheli.

Ngokwengxelo ebikhutshwe ngamapolisa, ithi uJombile wahlaselwa ehamba nonyana wakhe onamashumi amabini anesibini ubudala, ehlaselwa ngamadoda amabini awayezogqume ubuso emini ngoLwesine.

Bahlaselwa kwilali iMabaleni kuQumbu engakuhola wendlela uN2, ngethuba imoto yabo ivalelwa yiPolo egreyi enenombolombhalo onguND 4735.

Le moto yabamisa isenza ngathi iyabuza, emva koko babe sele betsala ibhegi kaJombile bamsusa kwanaye esitulweni sakhe.

UKapteni Khaya Tonjeni uthi owesibini umrhanelwa wonzakalisa unyana wexhoba ngompu kumzimba ongasentla, emva koko abarhanelwa bemka noJombile sele bemdubule esifubeni kodwa esaphila.

UBukiwe Fanta nolilungu leNdlu yoWisomthetho uthi uJombile ebengakufanelanga ukubhubha olu hlobo lubuhlungu kangaka.

“Akukho namnye umntu ofanele ukubhubha kanje. Le yenzekileyo into isiphazamise kakhulu, kubekela phi kwizihlobo kuquka nosapho lwakhe. Sibongoza nabani na onokuba nolwazi ancedisane namapolisa kubanjwe abenzi bobubi,” utshilo uFanta.

UFanta uthi uJombile uya kukhunjulwa njengomntu onempatho, uxolo nobehlala enoncumo ebusweni.

UKapteni Tonjeni uthi uJombile ufunyenwe sele ebhubhile ngoMgqibelo kwilali iQandu eZandukwana kuQumbu.

Uthi ubonwe ngabantwana ebebeqokelela iigusha kwihlathi elikufutshane. Abantwana bakhawuleze bayokuchaza elalini ukuba babona umzimba womntu ongumama, ilali yazisa amapolisa akuQumbu, labe usapho sele luqinisekisa ukuba nguJombile ngenene. Ibhegi yexhoba ayifumanekanga.

Okwangoku, abarhanelwa abakabanjwa. Amapolisa abongoza nabani na onokuba nolwazi eze ngaphambili okanye atsalele ocupha ngeli tyala uCol Nceba Mshiyo ku: 0714752292 okanye ku10111.

Ityala lokuxhwila, ukubulala nokuzama ukubulala livuliwe ngamapolisa.