Ibhola yaseMzantsi Afrika iphinde yagutyungelwa lilifu elimnyama

Mike Mokoena, Chairman of Free State Stars celebrates with the Nedbank Cup trophy after the 2018 Nedbank Cup Final between Maritzburg United and Free State Stars at Cape Town Stadium on 19 May 2018 Ryan Wilkisky/BackpagePix

Liphinde laduduma
ebholeni ekhatywayo kwakhona. Kusasa namhlanje kuvakele isithonga sokuwa
kukaMnu. Mike Mokoena – usihlalo weFree State Stars, iqela lebhola ekhatywayo
ebelikade idlala kwiPremier Soccer League. Iindaba ngokubhubha kukaMnu.
uMokoena, obengusomashishini eQwaqwa kwipohondo laseFree State, zibhengezwe
yiPSL namhlanje. UMokoena, 68, uphakathi koohlahl’ indlela bebhola yabantu
abamnyama eMzantsi Afrika emva kokuseka iqela lakhe ekwakusithiwa yiQwaqwa
Stars ngo-1977 ngeentsuku ekwakusagquba ngazo ucalucalulo. Iqela lakhe
lanyuselwa kwinqanaba eliphezulu ngo-1986. “Wabalukhanyiso ebholeni ephuma
kwidolophi engadumanga. Idolophi yaseQwaqwa wayiphakamisa kwaye uhlumo loqoqosho
obe lulunyiswa bubukho beFree State Stars yenye yezinto eza kuhlala zibaliswa
embalini yobomi bakhe,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiPSL. Awukacaci umhla aya
kuthi angcwatywe ngawo kwindawo yakhe yokuzalwa.

Esweleka nje,
uTat’ uMokoena ebengomnye wamalungu amadala wesigqeba esiphezulu alawula
iNational Soccer League (NSL). Emva kokutsala nzima ngenxa yokuswela abaxhasi
ngezimali, iFree State Stars iye yathotyiselwa kunyaka ophelileyo. Kanti ngo-2018,
iFree State Stars yazuza indebe yayo yokuqala emdlalweni weNedbank Cup
wokugqibela owawubanjelwe eNtshona Koloni. Yintaphane yabadlali abaziwayo
abaveliswe liqela likaTat’ uMokoena. Phakathi kwabo badlali kukho amadoda afana
noBunene Ngaduane, uSteve Komphela, uSerame Letoaka, uMpho Makola, uSithembiso
Ngcobo, uDaniel Cardoso nabanye abaninzi. Okwangoku akukacaci ukuba yintoni
eyona nto ebangele ukusweleka kwakhe uMnu. Mokoena. Kwinyanga ephelileyo,
iGolden Arrows ingcwabe umdlali wayo oye wahlaselwa sisifo sentliziyo. Konke
oku kwenzeka kusathiwe xha ngokudlalwa kwebhola ekhatywayo kwilizwe lonke
ngenxa yekhorona ehlasele abantu abasukela amashumi asibhozo amawaka eMzantsi
Afrika.

                                               Image may contain: text