Ayaphela amanina!

Kuthe kanye xa urhulumente ekhulula idyokhwe eqatha yemilinganiselo yelockdown ngelokuthomalalisa intsholongwane yekhorona, kwasuka kwanyuka amanani okubulawa nokuxhatshazwa kwabafazi neentwazana. Bonke bafele ezandleni zamadoda ekumele ukuba anikeza ukhuseleko nenkxaso kubo.

Kwiiveki nje ezimbini ezidlulileyo, uTshegofatso Pule obeminyaka engama28 kuphela, eenyanga zisibhozo ekhulelwe, ufunyunwe exhonywe emthini, ebulewe kalusizi emva kokushiya ikhaya lakhe eMeadowlands ngelithi yena nesinqandamathe sakhe basatsiba ezivenkileni ukuya kuthenga iimpahla zosana olo. Yaba kanti bayagqibelisa ukumbona ngelenyama esaphila. Emva kokukhangelwa kwakhe phantsi naphezulu ude wabhaqwa ejinga emthini womgamtriya cebukuhle eRoodepoort enamanxeba okuhlatywa esifubeni.

EKapa kufunyenwe umzimba kaSibongile Namfazi Gabada unqunqwe wafakwa kwiplastiki ezimnyama, kubanjwe isithandwa sakhe mayela noku saze sakhululwa ngamapolisa ngelithi ubungqina bunqongophele. Emva kwesankxwe umfana uphinde wabanjwa. UNamfazi ungcwatywe ngentsasa yangoLwesithathu.

EMonti umzimba kaLindelwa Peni ufunyenwe ngaseChicken Farm, nalapha umrhanelwa ngumntu obekhe wathandana naye.

Eli liqaqobana lemizimba efunyenwe kwezi vekana kwaye amanani okuphathwa gadalala kwabasetyhini yinto ethande ukunganakwa ngamadoda. Sele isisiqhelo le meko kwaye ifuna kwa-amadoda esebenzisana nabafazi ukuba bayincothule neengcambu.

Ukubulawa kwesi sithathu kufana nethontsi elwandle, mihla le uva izikhalo zabafazi neentwazana kwiilokishi zaseMdantsane, Ziphunzana, Zwide, KwaNobuhle, Makhanda, Komani, Mthatha, Idutywa, Cofimvaba, Motherwell phantse kwiikona zonke zeli. Kutshanje ividiyo yentombazana ibisonwabisa amadoda aseParkland ithe ndii kumakhasi onxibelelwano. Zibethene izimvo bekhathazekile abaninzi ngulo mbono.

Kuzo zonke ke ezi meko kuthandwa ukugxekwa amapolisa ngokungawenzi umsebenzi wawo kodwa enyanisweni icekwa lilele nathi. Ingulowo angadlala indima ekulweni nalo mkhuba.

Iinkosi, ooceba, abefundisi, iingcibi kufuneka badlale indima enkulu ekulweni noku ngokuthi bafundise amakhwenkwana indlela eyiyo yokuphatha abasetyhini.