Akabonakalisanga kuzisola odlwengulileyo enkundleni!

UMELUMZI Tom , 38, uza kuthothoza ubomi bakhe bonke entolongweni emva kokuba ethe wafunyanwa enetyala lokudlwengula yiNkundla ephakamilyo yaseBhisho.
Oku kulandela emva kokuba wathi wazithathela ngolunya kowasetyhini onamashumi amane enesine ubudala welali yaKwaGwalana eNgqushwa ngoNovemba ka2015.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA sengingqi ephondweni uAnelisa Feni-Ngcakani, ithi uTom waqhekeza kwindlu yexhoba wafika wafuna imali ngenkani. 

Walibetha ngompu entloko, akugqiba walidubula nasemlenzeni.
“Ixhoba kulapho laye lachaza ukuba imali indawoni, uTom wajika wangqala kwindawo leyo inemali emva koko wabe sele ebuyela kwixhoba elidlwengula,” utshilo uFeni-Ngcakani. 
UTom ubanjwe ngoMeyi ka2018 oko wayekhangelwa ngamapolisa.

Ngaphezu kwesi sigwebo sobomi, ukwanikwe neminyaka elishumi elinesihlanu ngokuqhekeza, iminyaka elishumi yokweba, esibhozo yokubetha nokonzakalisa kwakunye nemihlanu yokuba nompu ongekho semthethweni.

Ngethuba kuqhuba ityala kwinkundla eBisho, uMtshutshisi uVathiswa Jodwana-Blayi wabongoza ukuba umrhanelwa anikwe isigwebo esiqatha ngenxa yezizathu eziliqela, kwezo kuquka nokungabonakalisi kuzisola kuzo.
Obambele njengoMlawuli kwezoTshutshiso ephondweni uLivingston Sakata usiqhwabele izandla esi sigwebo, esithi sakunikeza umyalezo oqatha nakwabanye.
Ukwaqhwabele izandla abezotshutshiso kwakunye nophando olwenziwa ngamapolisa.