Umfundi uhlangulwe ngamapolisa ekwendeni

Intwazana yakuCentane efunda uGrade 12 incedwe kukuhlangulwa ngamapolisa emva kokwendiswa ngenkani, yenzelwa utsiki ze yathiywa negama lokuba nguSimanye.

Le ntwazana, ena-19, icele ukuba singalichazi igama layo. Yendiswe ngenkani eMarhanugeni kuManyuke kuCentane, isendiselwa kwisoka elina-23 eyakhe yathandana nalo iinyanga ezintathu ngo2016.

Esi sehlo senzeke ngoLwesibini weveki ephelileyo, ngethuba le ntwazana ibiphuma esikolweni, isiya apho igxamesa khona.

“Xa ndifika egxamesini, usisi waphaya undixelele ukuba ndineendwendwe. Ndaya ngenene, xa ndifika kukho ootata ababini. Aba tata bathe kum bahambele apha kum, babe besithi bafuna siyoqala ekhaya. Bendothuke kakhulu, ndababuza ukuba ikhona na into embi ekhaya, bathi hayi.

“Siye sahamba, xa sifika ekhaya kukho abantu abaninzi. Ndangena ngaphakathi, ndothukile. Bendicinga ukuba kukho umntu oswelekileyo. Ndingene kwathiwa mandichophe esitulweni, ndabe sele ndixelelwa ukuba ndiyenda, abantu abaphaya bazondicela.

“Ndibuze ukuba isoka eli kutheni lingathethi nam, malunga nalo mendo. Bathi abandibuzi, qha mandiyokwenda. Ndiqale apho ukukhala ke, akukhange kubekho mntu undithuthuzelayo,” kutsho le ntwazana.

Ithi iye yanxityiswa imibhaco kowayo, eluphawu lokuba iya emzini emendweni.

“Ndinxityiswe imibhaco, ndaqatywa imbola kwathiwa ndisiwa emzini kwangaloo mini. Kuphume oobhuti ababini balapha ekhaya bandikhapha bendisa emzini. Ngelo xesha ndiyakhala.

“Emzini ndifike ebusuku kwabe sele kulungiswe igusha katsiki, kwatyiwa nje izibilini. Ngelo xesha sele ndingumtshakazi wala mzi. Xa kuhlwayo, ndixelelwe ukuba ‘umtshakazi uyacelwa ngumyeni, kwindlu yakhe yokulala’. Ndishukumile ndayolala kumyeni, kwasa phandle. “Kwakusa kuphekwe inyama yegusha, kwathiwa ndiza kungeniswa endlini enkulu ukuze ndiyalwe, ndixelelwe ukuba ndingumakoti. Besele ndithiywe negama kusithiwa ndinguSimanye.”

Ngokuhlwa emva kokuba kutyiwe igusha katsiki, le ntwazana ifumene ithuba lokuqhwesha.

“Ndibone ngokukhala kwefowuni ukuba bandiqaphele ukuba ndiyaqhwesha. Kuthwe mandileqwe ngabafana bandibamba, ndabe ndikhala. Ndiphindiselwe emzini, baphinda bandiyala, besithi umakoti zange ayenze le nto ndiyenzayo. Sithe silungiselela ukulala, kwafika amapolisa akuCentane andithatha mna nomyeni. Umyeni baye bayomvalela.”

Le ntwazana ithi yayikhe yathandana neli soka ngo2016, kodwa ukuthandana kwabo akuzange kugqibe neenyanga ezintathu. Ithi yona ayifuni mtshato.

“Andifuni mtshato kuquka nale ndlela benze ngayo. Ndirhalela ukuba akhululwe eluvalelweni, kodwa ayazi ukuba le nto ayenzileyo igwenxa,” itshilo le ntwazana, ithi inomnqweno wokufundela i-Internal Auditing emva koGrade 12.

USihlalo weNdlu yeeNkosi eMpuma Koloni uNkosi Mwelo Nonkonyana usikhalimele esi sehlo, watsho ebongoza iinkosi ukuba ziwusiphule neengcambu lo mkhwa wokuthwalwa kwamantombazana ngenkani. Uthi bakhuthaza amapolisa ukuba ababambe abantu abathwala amantombazana.