USiya Kolisi uthi ixesha lokuthula nokoyika liphelile, phantsi ngobuhlanga!

epa07988127 South African rugby captain Siya Kolisi (C) holds up the Webb Ellis Cup with his team in front of a bust of former president Nelson Mandela at the Cape Town City Hall during a trophy tour in Cape Town, South Africa 11 November 2019. Tens of thousands of South Africans came out to see the Springboks finish their nation wide trophy tour in Cape Town after winning the Rugby World Cup. South Africa won the Webb Ellis Cup after defeating England 32-12 in the Rugby World Cup final played in Japan on 02 November 2019. EPA/NIC BOTHMA

Ukapteni
waMabhokobhoko, uSiya Kolisi, ulixhasa ngokupheleleyo iphulo elichasene
nobuhlanga ekuthiwa “yiBlack Lives Matter”. Oku ukuthethe kwincoko
eshicilelweyo achaze kuyo imeko enzima akhulele phantsi kwayo kwilokishi yaseZwide,
eBhayi. UKolosi usose wathetha nangendlela awamncedwa ngayo ngumhlobo wakhe,
uNicholas Holton, ngethuba befunda eGrey High School. “Kwafuneka ndamkele
inkcubeko yabo ukuze ndamkeleke. Babebabini kuphela abantu ababenomdla kweyam
inkcubeko. Omnye wabo bantu ngumhlobo wam, uNicholas (Holton), owandifundisa
ukuthetha isiNgesi, utshilo uKolisi kwincoko ebipapashwe nguMluleki Ntsabo kuFacebook. Iingxoxo
ngobuhlanga ivunjululwe ngumdlali weqakamba, uLungisani Ngqindi, ocele oogxa
bakhe ukuba baxhase iphulo elithi “Black Lives Matter” suka wahlaselwa
ngamadoda amhlophe awayedlala iqakanga. Lo nto inyanzele amadoda aziwayo
kwiqakamba afana noMakhaya Ntini noLonwabo Tsotsobe ukuba athethe phandle
ngempathombi awayifumana kwiqela lesizwe leqakamba.

USiya Kolisi,
odlalela iStormers, uthethe ngendlela engcono eze noRassie Erasmus kwiqela
lesizwe eyenze kwalula kuye wonke umntu. Kunyaka ophelileyo, Amabhokobhoko
aphumelele indebe yehlabathi ebisingathwe lilizwe laseJapan kwinyanga yeNkanga
ngo-2019 ikhokelwa nguKolisi – uKapteni wokuqala omnyama. “Ekuqaleni kwam
umbhoxo, kwanyanzeleka ndamkele indlela ekwenziwa ngayo izinto nolwimi. Kudala
kwakusetyenziswa iAfrikaans ngamaxesha onke kwiSpringbok. Ndandingakwazi ke mna
ukuthetha iAfrikaans. Naxa sitsalelwa umxeba, kwakuthethwa iAfrikaans;
kwakunyanzeleka ndiguqule iAfrikaans ndiyise esiNgesini naso ndisiguqulele
esiXhoseni. Kwakunzima. Yonke into yayithatha ixesha elide kum. Ndandingathi
ndisisidenge kwaye ndaziva ndihlazekile. URassie ufike wayilungisa lo nto
ngo-2018 ngokuthi iinguqu akufuneki zibe ngebala labadlali kuphela – koko nendawo
ekusetyenzelwa kuyo kufuneka ilungele wonke umntu. Wathi wonke umntu okwiqela
lesizwe kufuneka azive ukuba wamkelekile, inkcubeko yomntu ngamnye kufuneka
ibonakale njengokuba simela uMzantsi Afrika,” utshilo uKolisi.

“Indlela
ekuthethwa ngayo ngabadlali nomqeqeshi yaguquka. Saqala ukuziva sibalulekile
satsho sakwazi nokucula. Abantwana baselokishini batsho babona ukuba ikhona
into eyenziwayo nathi satsho samanyana ngakumbi eqeleni. Kude kubaluleke ubomi
bethu, akukho bomi bubalulekileyo. Ndifuna ukucela abantu ukuba mabathethe
ngezi zinto nokuba akumnandanga na, ukuze sikwazi ukutsala ngexhadi elinye.
Ixesha lokuthula nelokoyika liphelile. Masilungise le ngxaki ngoba abalandelayo
baza kuchaneka. Ngeke ndithule. Iphulo elichasene nobuhlanga (Black Lives
Matter) yinto enkulu eyodlula imidlalo. Sithetha ngobomi bomntu wonke,” utshilo
uKolisi. “Ndafunda eGrey – apho abantu babesitya nakathandathu, ndibe ndisitya
kanye qha mna elokishini. Lifikile ixesha lokuba abantu khe baswaye kwiindawo
zabo ezintofontofo ukuze bayibone indlela abasokola ngayo abantu,” uvale ngaloo
mazwi uKolisi.