UMbatyothi ubhubha ekwiphulo lokusindisa abantu kwiCovid-19

UAyanda Mbatyoti apho bekuphiwa khona abantwana kunye nabahlali abangathathi ntweni kwilokishi yes Cambridge Umfanekiso: BHEKI RADEBE

ISIKHOKELO sakwaWadi 8 eBuffalo City sikuchaze ukubhubha kukaAyanda Mbatyothi njengelahleko engathethekiyo, besithi ebhubha nje ebekumalungiselelo okuqokelela izixhobo zokukhusela intsholongwane yeKhorona, ukuze zisiwe eluntwini.

UMbatyothi, ofana nqwa nobesakuba nguMongameli uNelson Mandela, ubhubhe ngentseni yangeCawe, usuku emva kweMandela Day. Usapho luthi ebefunyaniswe enentsholongwane yeKhorona emva kovavanyo.

Uceba wakwaWadi 8 uAyanda Mapisa, apho ebehlala khona uMbatyothi, uthi banxunguphele besisikhokelo sale Wadi.

“Kutshanje ebesandula kundixelela ukuba uceba inkqubo yokuphisa ngezixhobo zokukhusela intsholongwane yeKhorona ezifana nesanithayiza ukuze zisiwe eluntwini. Ngoku nanku ubhubhile, sikhathazeke kakhulu,” utshilo uMapisa.

UMbatyothi wasungula iYoung Madiba Production ngo2003, nebinceda abantu abakwiindawo ezihlelelekileyo eBCM naseDikeni.

Ukuqala kokuvalwa kweentshukumo elizweni (Lockdown), uMbatyothi watyelela kwilokishi yaseCambridge eMonti kuTshazimpuzi, apho wathi waphisa ngokutya kuluntu oluhlelelekileyo esebenzisana neOK Foods.