Abandihoyanga ndikhala, ndixinwe yi-Covid 19!

Wakhala iinyembezi phambi kwamagosa ezempilo ecela ukuvavanyelwa intsholongwane yeKhorona, abavuma, noxa nje wayeminxene isifuba eqaqanjelwa ngumzimba wonke futhi engeva kwancasa yokutya.

Lowo ngumfana oneminyaka engamashumi amabini anesithoba wakwaNompumelelo eBeacon Bay eMonti nekuphele iveki esehla esonyuka engafumani uncedo lokuzivavanyela le ntsholongwane.

“Into eyenzekayo kukuba ndaye ndasondelelana nomntu oneCovid-19, ndingamazi ngelo xesha. Into elandeleyo kukuba ndibeneempawu endingaziqhelanga apha emzimbeni wam.

“Andingomntu ofane agule, ndaqala ngova intloko emva koko kwanzima ukuphefumla, kukho nento ebuhlungu apha esifubeni. Ndabona ukuba kufanele ndiyokuzivavanya. Kwakunzima nokuva incasa yokutya,” utsho lo mfana ebalisela I’solezwe lesiXhosa.

“Ndiyizamile into ekwiveki ndisihla ndisonyuka ndizama ukuzivavanya, ndingafumani ncedo. Ndaqala eFrere bathi bajongene nabantu abangxamisekileyo kuphela, abavavanyi bantu.

“Ndaba ngabaxelela ukuba ndiyagula kodwa abavuma ukundivavanya. Ndaba ngakhala abavuma kodwa ndiyabaxelela ukuba ndisondelelene nomntu oneCovid-19 futhi apha endleleni ndikhwela iteksi into ethetha ukuba ndihamba ndisosulela nabanye abantu,” utshilo lo mfana.

Uthi wayeziqonda ukuba unayo le ntsholongwane kodwa efuna ukuqinisekisa ngovavanyo.

“Ndiye nakwaDischem bathi bafuna iR850.00, ndabona ukuba mandiphindele endlini. Ndiye kwiziko lezeMpilo eliseGompo, Empilweni, kodwa zange ndincedakale ngokukhawulezileyo kusithiwa kuyabhaliswa.

“Empilweni baye bandinika inombolo yeSebe lezeMpilo emanditsalele kuyo umnxeba. Ndiwutsalile umnxeba, lathi igosa lifuna iinkcukacha zalo mntu ndisondelelene naye oneCovid-19, ndabaxelela ukuba andinazo ezo nkcukacha ndinefani yala mntu kuphela, bathi abazukundinceda,” kutsho lo mfana, esithi kwaneambulensi awayeyitsalele umnxeba wayigqibela ngokuya yayisithi iyeza kuye.

Ukuze abe kanti uyancedakala, lo mfana uthi wangena ngenkani Empilweni kungabizwanga negama lakhe.

“Ukude kube kanti ndiyavavanywa kukuba ndiye ndaquqa Empilweni. Ndizovavanywa kwisihlandlo sesine ngoba ndingene ngenkani. Bakhwaza igama lomntu obhalisiweyo ndatsho phakathi ndathi ndim lowo, labe igama ingelolam. Iziphumo zam ndizifumene kule veki zingqina ukuba ndinentsholongwane yeKhorona.”

Lo mfana uthi akufundileyo kukuba xa ungazincedi wena ungabhubha yile ntsholongwane, kuba ngeli xesha esehla esonyuka unamayeza azithengele wona endlini.

“Ndiyamvela umntu ongenamali yokuzithengela iipilisi namayeza kule Covid-19. Ukuba mna bendingaziphakamelanga mhlawumbi ngekuthethwa enye into ngoku.”

Iintsuku ezilishumi elinesine zokuhlala bucala zalo mfana ziyaphela namhlanje. Uthi ungcono kakhulu ngoku ngokwasempilweni.

Kwimbalelwano, iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane wenza isicelo kuMphathiswa kaZwelonke uGqr. Zweli Mkhize esithi ufuna iqela loochwepheshe ukuza kuqubisana neengxaki zezempilo ephondweni, ingakumbi ekusabeleni kwintsholongwane yeKhorona eNelson Mandela Bay naseBuffalo City.

Aba chwepheshe bandulule ukuba iphondo kufuneka libe nomanejala wokujongana neCovid-19 kwaye kubekho unxibelelwano kumaziko ezempilo ephondweni. Ukusabela kwezi zindululo, uMabuyane useke icandelo lolawulo lwephulo elijongene neCovid-19 ephondweni nelikhokelwa nguGqr. Sibongile Zungu.

UMabuyane ukholelwa ukuba iingxaki eziphakanyiswa ngabantu ziza kusonjululwa ngesikhawu phantsi kweli ziko litsha ukuze kunqandeke ukunwenwa kwentsholongwane yeKhorona.