‘Wuboneni emotshwari umzimba woneCovid-19’

Imizimba yababhubhe ngenxa yeCovid-19 ngoku ingabonwa futhi inxityiswe ngabosapho emotshwari UMFANEKISO: Timothy Bernard/African News Agency(ANA)

EMVA konxunguphalo obeludalwa kukulahleka kwezidumbu ebezibangelwa kukungabonwa kwemizimba yababhubhe ngenxa yeCovid-19, ngoku iintsapho zivumelekile ukuwubona nokuwunxibisa umzimba womntu obhubhe ngenxa yale ntsholongwane.

Urhulumente, ngokomtyikityo kaGqirha Zweli Mkhize, upapashe kwigazethe ngomhla weshumi elinesihlanu kwinyanga ephelileyo, evumela iintsapho ukuba zizibone futhi zizinxibise izalamane zazo ezibhubhe ngenxa yeCovid-19, kodwa oko kuza kwenziwa kuphela kwindawo yokugcina izidumbu kusetyenziswa izixhobo zokhuseleko. Ekhayeni isidumbu asikavunyelwa ukuba singabonwa.

Kule gazethe, urhulumente uthi wakubhubha yiCovid-19 umntu, kufuneka umzimba ufakwe ebhegini ze kucocwe umphandle wakhe (kuquka nobuso).

“Xa umzimba usesibhedlele okanye kwimotshwari yabucala, ibhegi enomzimba ingavulelwa amalungu osapho ukuba ayibone, kodwa kungene umntu ngamnye ngexesha, futhi anxibe izixhobo zokhuseleko ezifana nemaski neeglavu. Umzimba akufuneki ubanjwe ngezandla.

“Ukuba amalungu osapho afuna ukunxibisa ilungu labo elibhubhe ngenxa yeCovid-19, angakwenza oko emotshwari phambi kokuba umzimba ufakwe ebhegini, banxibe izixhobo zokhuseleko ezifana nemaski, iiglavu, kwanefaskothi eyogquma umzimba wonke,” kubhale urhulumente kwigazethe.

Kuthatyathwa esi sigqibo nje kungenxa yezehlo eziliqela zokulahleka kwezidumbu nanjengoko bekungavumelekanga ukubona isidumbu somntu obhubhe yiCovid-19.

Usapho lwaseNcera eMonti lungcwabe umzimba wendoda ethile endaweni yenkosikazi yolu sapho uNomawethu Mbishi.

UMcebisi Dyonase ombiza makazi uNomawethu uthi zange avume amagosa akwisibhedlele saseFrere ukuze babone umzimba kamakazi wabo emva kokuba ebhubhele kwesa sibhedlele.

Isibhedlele sathi uNomawethu ubhubhe ngenxa yeCovid-19 kodwa iziphumo zovavanyo ezingene kwifowuni yomfi ziveze ukuba ebengenayo le ntsholongwane.

UNomawethu kwakufanele ukuba ungcwatywe ngomhla weshumi elinesithathu kwinyanga ephelileyo, kodwa endaweni yokungcwatywa kwakhe kwangcwatya ndoda ithile.

UDyonase uthi bafowunelwa yiFrere ibabuza ukuba bawuthatha nini umzimba kaNomawethu.

“Sothuka xa befowunayo sabaxelela ukuba sele singcwabile thina. Isibhedlele sathi siyaxolisa umzimba kamakazi useseFrere,” utshilo uDyonase, esithi umzimba kaNomawethu ungcwatywe kwiveki ephelileyo.

Umzimba kaNoFinish Mxhalisa (83) obuza kungcwatyelwa kuDudumashe eNgqamakhwe ngoMgqibelo esiwushiya ngasemva ubangele unxunguphalo kolu sapho ngemini yomngcwabo nanjengoko ubulahlekile kwimotshwari yabucala yaseGcuwa.

Umzimba kaNoFinish kunyanzeleke ukuba uyokugrunjwa kwaNomaheya sele ungcwatyiwe, waziswa kuDudumashe ukuze ungcwatywe kwakhona.

Urhulumente, kule gazethi, ukwathe xa umntu oneCovid-19 ebhubhele ekhaya, umzimba wakhe akufuneki ubanjwe, endaweni yoko kufuneka kufowunelwe abezempilo, phambi kwemotshwari, ze impahla zakhe zibanjwe ngeeglavu emva koko zicocwe ngamachiza.

Iingcombolo malunga nale gazethe zifumaneka kweli khonkco: https://www.gov.za/sites/default/files/gcis_document/202007/43533gon796.pdf