Kubhubhe omnye umdlali kwiMuvhango

Umdlali kamabonakude obhubhileyo uArthur Mbambo Umfanekiso : Muvhango

AYAPHOKOKA amazwi ovelwano emva kokubhubha kwegqala lemidlalo kamabonakude uArthur Mbambo. 

UMbambo, owaqala ukudlala kwimidlalo kamabonakude ngeminyaka yoo1970,  kuvakala ukuba ubhubhele esibhedlele ngempelaveki emva kwengulo ende. Ukubhubha kwakhe kungqinwe yintombi yakhe uMbali Mbambo. 

Waduma kakhulu ngendima kaMnyamana Buthelezi, owayengutata kaThandaza kumdlalo weSABC2, iMuvhango. 

Eminye imidlalo azakhele ngawo igama kumabonakude iquka umdlalo weSABC1 uTshisa,  Soul Buddyz,  Hlala Kwabafileyo, Ifa LaKwaMthethwa, Emzini Wezinsizwa, S’gudis Nice, Generations neKwakhala Nyonini. 

Othethela iQumrhu loSasazo loMzantsi Afrika (SABC) uMmoni Seapolelo, uthi uMbambo ushiye isikroba kwicandelo lezolonwabo. 

“Uza kukhunjulwa ngegalelo lakhe elikhulu kweli candelo. Eli qumrhu losasazo lidlulisa amazwi ovelwano kusapho lakwaMbambo ngeli xesha libuhlungu kangaka. Umoya wakhe uphumle ngoxolo, ” kutsho uSeapolelo. 

Kulindeleke ukuba uMbambo angcwatyelwe eRhawutini ngomso.