Camagu, unomathotholo wemveli uyeza

ULulama Mpahla oligqirha nongumseki kanomathotholo Icamagu Radio UMFANEKISO: Facebook

Vuk’ ulawule, Thokoza Gogo, Ingulo, Umnombo, njalo njalo.

Ezi zezinye zeenkqubo eziza kuphakelwa abantu kwisikhululo sikanomathotholo, Icamagu Radio, esiza kuphehlelelwa ngomhla wamashumi amabini anesine kweyoMsintsi, usuku lwamafa esizwe.

Icamagu Radio linyathelo likaLulama Mpahla oligqirha kwaye iza kufumaneka kumnatha wonxibelelwano.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa, uMpahla, obefudula ehlalutya amathongo kweli phephandaba, uthi lo mbono walo nomathotholo uze emva kokuba eqaphele umsantsa kwimixholo yoonomathotholo.

“Okokuqala into esiyenzileyo kukujonga apha elizweni izikhululo zosasazo, siqwalasela umxholo wazo. Sifumanise ukuba imixholo yezikhululo zosasazo iphenjelelwa yindlela yokuphila yaseNtshona.

“Akukho sikhululo esikhuthaza indlela yethu yokuphila ngokolwazi lwemveli, amasiko nezithethe kwanendlela ekwakuphilwa ngayo phambili. Sifumanise ukuba ayikho inqwelo yokuthutha ulwazi lwemveli iluse eluntwini, utshilo uMpahla. Uthi Icamagu Radio linyathelo eliqalwe nguye buqu,

“kodwa ke ndiye ndathetha nabantu abanomdla kwiphulo elinje.” Ngoku ndithethayo sele sinesivumelwano neFamcast, apho umntu aza kumamela khona ngonxibelelwano lomnatha.

“Abantu bangangena nakwiwebhusayithi ethi www.icamagulive.co.za okanye umntu angene kuGoogle Play Store ukuze afumane iApp yethu amamele khona.”

Ephawula ngezinye zeenkqubo zalo nomathotholo, uMpahla uthe: “Kukho inkqubo yeyure eza kuqala ngentsimbi yesithandathu kusasa ethi Vuk’ ulawule.”

“Apha sibuya umva sijonga ukuba kwakusenziwa ntoni kudala xa umntu evuka. Apha umntu angathumela ithongo okanye into ayibonileyo ukuze simhlalutyele,” utshilo uMpahla.

“Ngentsimbi yesixhenxe kusasa siza kuphinda sibenenkqubo ethi Isidlo Sakusasa, apho siza kuthi sigxile kwimiba echaphazela isiNtu. “Umculo wethu esiza kuwudlala iza kuba ngumculo ohambelana nesiNtu sethu.”

Kule veki kuqalile ukuqeqeshwa kwabasasazi ukuze balungelane nemixholo yesi sikhululo. “Ubuninzi babasasazi bethu (80%) iza kuba ngabantu abatsha, kuba sifuna abantu abatsha bayazi imveli yabo.”