Baza kulala betyile eQuzini!

Imifanekiso : Bheki Radebe

ILALI yaseQuzini eQonce yenye yeendawo ezibhuqwa yindlala kakhulu kwaye enolutsha olungaphangeliyo, nto leyo ibangela luphele lusebenzisa gwenxa iziyobisi, ngokokutsho kwenkokheli yale ndawo uJeffrey Gumenge.

UGumenge ukudize oku ngethuba umbutho wesisa iGift of the Givers unikezela ngeepasile zokutya kubantu abangamakhulu amabini abatsala nzima kule lali.

Uthi oko wafika ngo1981 eQuzini into eyenzeke kubo entle kangaka zange wayibona kuba basoloko belibaleka bengenanto bakhe bayixhamle. 

Uthi nangexesha lokumiswa kweentshukumo ngoMatshi zange bachole naphantsi.

“Bekufanele ukuba kufumene ikhulu labantu namhlanje kodwa ngenxa yendlala babengapha kwelo khulu abantu abafikileyo, ngethamsanqa kwafumana abakumakhulu amabini. Abantu bebothukile kwaye bevuya ukufumana njengoko iyinto enqabileyo le kubo.”

“Okundonwabisayo kukuba ndiye ndaqinisekisa ngaba batsala nzima nyani ukuba bayabhaqa,” utshilo uGumenge.

UThembela Gogwana (44) oxhamlileyo nongumama wabantwana abane akaphangeli kwaye watshatyelwa yindoda, uthi akakakholelwa ngokwenzekileyo namhlanje.

“Ndizitswebile xa ndibizwa ukuba ndiyolanda ukutya kuba besingalindelanga neentsana zam tu, besisaxakwe ukuba sakulala sidibanise ntoni ukuze sitye. Ndixhomekeke kwigranti yabantwana bam, besithi ukuze sitye into ecacileyo kufike iintsuku zepeyi. 

Naloo peyi kwezinye iinyanga ifika sele iphelile kuba iingxaki zam zonke ndizenza ngayo. Ndithi enkosi kulo mbutho nakwinkokheli endicingileyo ngolu suku,” uvale ngelo uGogwana.

IGift of the Givers iqalise ngoLwesibini nephulo layo lokunceda abangathathi ntweni kwiidolophu ezincinci zeli phondo leMpuma Koloni.