Kubhiyozelwa utywala okanye uqoqosho?

Imibhalo ekwiibhotile okanye iinkonkxa zotywala besilungu isoloko ikekelele ekulumkiseni abantu ngobungozi bokusela utywala ngokugqithisileyo.

Le mibhalo isoloko ilumkisa malunga nombandela wobungozi bokuqhuba usele utywala, kwanokuba ukusebenzisa gwenxa utywala buneziphumo ezibi kwimpilo yomntu.

Naxa ubani evula unomathotholo, ebukela umabonakude okanye efunda iphephandaba, kukho izilumkiso azifumanayo malunga nokusetyenziswa gwenxa kotywala.

Umbuzo ngowokuba ingaba abantu bazithathela ingqalelo ezi zilumkiso? Ukuba akunjalo kutheni?

Liyinene elokuba ukusetyenziswa gwenxa kotywala kweli lizwe kudlangile futhi kungunobangela wamakhaya ahexayo, iingozi ezindleleni, iingxwelerha ezibhedlele, ulwaphulomthetho kwanokophuka phambi kwexesha kwempilo eluntwini.

Kule veki kuqalile kwakhona ukuthengiswa kotywala elizweni, emva kokuba uMongameli Cyril Ramaphosa ebhengeze ukunyenyiswa kwemiqathango yokuvalwa kweentshukumo elizweni.

Oku kunyenyiswa kwale miqathango, kubangele ukuba amanye wamaziko ezoqoqosho, abefudula evaliwe phantsi kukaLevel 3, 4, 5 weLockdown aqale ukuqhuba noqoqosho.

Ngenyanga yeSilimela kukhe kwanyenyiswa, bathengiswa utywala. Kodwa kwanyanzeleka ukuba bukhawuleze buphinde buvalwe emva kokuqapheleka kwezehlo zokusetyenziswa kwabo gwenxa. Izibhedlele zaphuphuma ziingxwelerha zeengozi zeemoto ezindleleni. Abanye babebamba iindibano zokuselela ezindlini noxa nje oko kwakungavumelekanga.

Oku kwabangela ukuba buphinde buvalwe utywala, kwashiya oosomashishini abaxhomekeke kweli shishini belambatha.

Liyinene elokuba utywala luqoqosho elizweni. Cinga ngabasebenzi abakumasimi ewayini, cinga ngabaqhubi beetraki ezithutha utywala, cinga ngabantu abangaseli tywala kodwa besebenza njengeekheshiya noomanejala kwiivenkile zotywala, cinga ngoonogada kwimizi ethengisa utywala, nokunye okuninzi.

Njengesizwe sifanele ukuba sibhiyozela ukuvulwa kwamaziko ezoqoqosho, aquka utywala, endaweni yokubhiyozela ukusela utywala.

Into ekhuthazwayo kukuba utywala mabuselwe ngenkathalo, ukuze singaboni ulosuleleko lwesibini lwentsholongwane yeKhorona ngenxa yotywala.