Uhlatywe wabhubha ‘ngobengafuni ukwaliwa’

UKwasa Zozo Lugolo ohlatywe wabhubha ngobefudula ethandana naye UMFANEKISO: FACEBOOK

INTWAZANA yaseDutywa, uKwasa Zozo Lugolo (19), ihlatywe yabhubha ngumfana ebifudula incuma naye, mfana lowo ozityise inqwaba yeepilisi emva kweli sikizi.

UViwe Rulumeni uchazwe njengalowo obefudula ethandana nexhoba. Iingxelo ezingaqinisekiswanga ngamapolisa zithi kudala kukho ukungavisisani phakathi koLugolo noRulumeni, apho kuvakala ukuba ebengafuni kulahlwa lo kaRulumeni.

Isithethi samapolisa uBrigadiya Thembinkosi Kinana uthi ixhoba lihlatywe labhubha ngoMvulo. “Isizekabani sokubulawa kwexhoba asaziwa kwaye siyinxalenye yophando,” utshilo uKinana.

Kuthe ndii iingxelo zokuba uRulumeni ubhubhele esibhedlele eGcuwa kodwa amapolisa ebengekakuqinisekisi oku ngethuba sibhala eli nqaku, ngaphandle nje kokuthi lo kaRulumeni ukwimeko embi esibhedlele.

UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uLieutenant General Liziwe Ntshinga usikhalimele esi sehlo, watsho ebongoza uluntu ukuba lwenze intlabamkhosi kufundiswe uluntu ngobuzaza bodushe olujoliswe kwisini nabantwana.