Seema: IChippa iya kwiStellenbosch ikhuthazekile

Umqeqeshi weChippa United uLehlohonolo Seemaumfanekiso: Muzi Ntombela/BackpagePix

Mithathu ngoku imidlalo eza kudlalwa yiChippa United ivale isizini. Kuloo midlalo kufuneka iqokelele amanqaku apheleleyo okanye idlale ntanganye kuyo yonke ukuze isinde ezembeni nakule sizini.

Ngumsebenzi onzima kakhulu lowo kwiqela elifana neChippa United kodwa onokwenzeka xa abadlali bezimisele. Babonisile emidlalweni emibini egqithileyo okokuba ingenzeka lo nto.

Nangona iqela laseMpuma Koloni lijongene nobunzima, kodwa likhona ithemba lokusinda ezembeni emva kokuba liqokelele amanqaku amathathu ngokubetha iBaroka FC ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weAbsa Premiership ubunzima kwiveki ephelileyo.

Ngumdlalo onike ithemba abalandeli waqinisa nomqeqeshi, uLehlohonolo Seema, othe iqela lakhe liza kulwa ngamandla ukuze ligcine indawo yalo kwiPSL kwisizini ezayo.

USeema ukuthethe oku emva kokuba abadlali bakhe bekwazile ukukhusela igowuli labo kwiBaroka ebivutha.

“Ndiyavuyisana nabadlali bethu emva kokuphumelela namhlanje,” utshilo uSeema emva komdlalo ogqithileyo echwayitile.

“Umdlalo obuphakathi kwethu neHighlands Park (owaphela iliqanda macala) usincedile kakhulu ngoba usilungiselele imidlalo enje ngalo. Injongo yethu isoloko ikukufumana amanqaku ukuze iqela lingathotyiselwa. Ukungakwazi kwethu ukufaka amagowuli yinto esixhalabisayo kodwa kuhle ngoba sikwazile ukukhusela igowuli lethu kwiBaroka,” utshilo uSeema obephumelela okokuqala ukusukela oko engumqeqeshi weChippa.

Emdlalweni ozayo ngoLwesihlanu eTuks Stadium, iChippa iza kuhamba nzima kakhulu kwiStellenbosch esiqhuba kakuhle emidlalweni yaso.

“Akukho mdlalo olula kwiPSL. Onke amaqela adlalela ukufumana iindawo ezingcono. Siza kulwa ngoba sifuna iqela lisinde ezembeni ukuze sikwazi ukuqala izinto ngendlela entle kwisizini ezayo. Nokuba singadlala ngokulingana emidlalweni elandelayo kodwa silwela ukuhlala kwiPSL,” utshilo uSeema.