UHlumela, obelahleke iintsuku ezilishumi, ufunyenwe enkwenkweni

UHlumela Senti ufunyenwe engenawo kwamkrwelo UMFANEKISO: Facebook

INTWAZANA yaseMfezane kuGatyana, uHlumela Senti (19), ekudala efunwa ngamapolisa aseDutywa kuquka nosapho lwakhwe, ufunyenwe ngoMvulo engenawo kwamkrwelo enkwenkweni kwenye yeelali zaseDutywa.

 

Ngokwengxelo yamapolisa aseDutywa, ngokomlomo kaKapteni Jackson Manatha, uHlumela wagqityelwa ukubonwa ngaseposini eDutywa ngomhla weshumi elinesine kule nyanga.

 

Iingxelo zithi wayeye eposini ngomhla weshumi elinesithathu eyokukhupha imali yesibonelelo sikarhulumente.

 

Iinzame zokutsalela umnxeba wakhe okanye ukumbhalela bucala kuFacebook zawa phantsi nto leyo ebangele unxunguphalo kusapho lwakhe ngenxa yezehlo zodushe kwanolwaphulomthetho olujoliswe kubantu ababhinqileyo. Amalungu osapho lwakhe ade asuka eKapa esiza ephondweni ezokuncedisa ukukhangela uHlumela.

 

UHlumela ukhe wabhala kuFacebook wakhe ngomhla weshumi elinesibhozo, iintsuku ezine emva kokuba edukile, esithi: “Cela nindithandazise noba bandidlwengule ke kodwa ndingabulawa.”

 

Kwangalo mhla weshumi elinesibhozo, uHlumela ubhale kuFacebook, esithi: “Guys im safe…andazi noba ndiphi kumnyama kule ndawo ndikuyo.”

 

Omnye umbhalo kaHlumela kuFacebook, kwangale mini inye, ubusithi: “Ndikhwele imoto eya eLubomvini (kuGatyana). Omnye ubhuti weza kum wasondela wathi ndimhle kudala endijongile eDutywa. Ndithe ndizama ukukhala ndabekwa imela entanyeni.”

 

Usapho lwakhe luthi uHlumela ufumaneke enkwenkweni kwilali yaseXeni eDutywa emva komkhondo uvele kuFacebook ngomntu othi uyibonile le ntwazana.

 

Ilungu losapho uNolwazi Senti-Combo, ode wabuya esuka eKapa ezokukhangela uHlumela, uthe: “Simfumene engenawo kwamkrwelo eXeni ehleli nenkwenkwe, andiyazi ke ukuba unjani ngokwasengqondweni kuba xa simbuza ukuba kutheni ethule ixesha elingaka uyalila.”

 

“Imali ebenayo, asinakutsho ukuba ebehleli phaya kuba engenamali. Lo mzi ebekuwo akukho bazali. Xa simbuzayo uyalila, akafuni kuvula mlomo. Amapolisa akhe ayincwina inkwenkwe.  

 

“Xa simbuza ngezi zinto zibhalwe kuFacebook uthi ayinguyanga, kodwa ke akatshongo ukuba ubelwe ifowuni,” utshilo uSenti-Combo.

 

USenti-Combo wenze umbulelo kubantu abancedisileyo ekufuniseni amapolisa kwanosapho uHlumela. “Siza kumbuza xa ixesha lilungile ukuba kwenzeke ntoni, kuba le ndlela adlale ngayo imbi kakhulu. Abantu ababhinqileyo bayabulawa apha phandl’ apha, akekho umntu ofanele ukudlala ngolu hlobo.”