Uzame ukuzibulala umama obulele abantwana bakhe!

 

Emva kokuba inkosikazi yaseDimbaza ibulele oonyana bayo ababini, oneminyaka emithandathu (6) nononyaka omnye (1) kuphela ezelwe, itsalele umnxeba udade wayo omdala onamashumi amane anesibini, imxelela ukuba ibabulele abantwana bayo bobabini.

Le nkosikazi nguBusisiwe Labi (32) waseDimbaza eQonce. Esi sihelegu usenze ngomhla wamashumi amabini anesithoba kwinyanga edlulileyo kwikhaya labo. Usisi womrhanelwa emva kokuva ezi ndaba ngoLabi watsalela amapolisa aseDimbaza ewabikela, nawafika amapolisa imizimba yabantwana sele ibanda isebhedini.

ULabi wabanjwa ngamapolisa kwaze kwavulwa ityala lokubulala.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi seNPA ephondweni uAnelisa Ngcakani, uLabi akavelanga enkundleni ngoMvulo wale veki nebekufanele ukuba uvela okokuqala, evelela eli tyala ajongene nalo. UNgcakani uthi unobangela wokungaveli kwakhe kukuba ebesesibhedlele emva kokuba wasela ityhefu ezama ukuzibulala naye.

Ityala lakhe limiselwe uLwesibini weveki ezayo umhla weshumi elinesibini xa esele ephumile esibhedlele.