Ifashoni kwifenitshala yamavili amadala

BAQOKELELA amavili amadala, emva koko bawatshintshe abeyifenitshala entle kunene, enongwe ngefashoni ethi ndijonge.

Leyo yiMakiyela Tyre Recycling and Cleaning Services eyasungulwa nguBenathi Makiyela waseFirst Gate KwaBhaca. UMakiyela, okunyaka wakhe wesibini eFort Hare kwizifundo zoqoqosho lwezolimo, uqale ukuba nalo mbono ngo2018 ze inkampani yabe kanti iyabhaliswa ngokusesikweni kulo nyaka.

“Lo mbono uze emva kokuba ndicinge ukuba yintoni endingayenza ukwenza ifenitshala ebukeka ngcono eluntwini. Enye into kukucoca indalo ukuze sibe nehlabathi elingcono.

“Abantu bazithakazelela kakhulu iimveliso zethu kuba zintle futhi zinomgangatho. Sizenza ngamavili amadala kwiindawo zokulungisa iimoto, siphinde nakwiindawo zokulahla inkunkuma,” kutsho uMakiyela.

Kolu shishino bathandathu, yena uMakiyela ngumlawuli. Ngaphandle kokwenza ifenitshala ngamavili amadala, iMakiyela Tyre Recycling and Cleaning Services yenza izitya zokutyela imfuyo, iiketile nezinto zokudlala zabantwana. Bakwacheba nengca baphinde bacoce iiofisi.

Umcelimngeni anawo uMakiyela kukudibanisa isikolo noshishino, kodwa uthi oogxa bakhe bawenza uthomalale lo mcelimngeni.

UMakiyela uthi injongo kukudlala indima ekucoceni indalo, sikwenza oko ngokuzisa ifashoni kwifenitshala.

UMakiyela uthi abantu ababaxhasayo luluntu luphela kuquka nabasebenzi bakarhulumente. “Ngoku siza kwenza ntle indawo yolonwabo (pub) yalapha KwaBhaca. Eyona nto esiyilangazelelayo kukwenza intsebenziswano norhulumente ukuze sincede ekuphakamiseni iphondo lethu nasekukhuliseni izakhono,” utshilo uMakiyela.

Abanomdla wokuthenga iimveliso zikaMakiyela bangamtsalela umnxeba ku 062 616 6503.