Unomtsalane uMzantsi kumafama ehlabathi

USIHLALO kakopolotyeni wezolimo iLand O’ Lakes eMelika uDan Hennessy, uthi ilizwe loMzantsi Afrika lilizwe abajonge ukutyala iimali zabo kulo kwiinkqubo zolimo.

UHennessy unguSekela-Sihlalo walo kopolotyeni omkhulukazi wezolimo kweliya laseMelika.

Uthethe oku ngethuba enikwa iqonga kwinkomfa ye2020 Agri nebibanjwe kusetyenziswa ubuxhakaxhaka bale mihla.

“UMzantsi Afrika unomtsalane ngenxa yomgama osele uhanjiwe ukuphuhlisa ezolimo nokufuya, unobuchule, nobuqili bokwenza izinto,” kutsho uHennessy.

Uhambisa athi eli lelinye lamazwe esele likwazile ukumelana neemeko ezinzima zemozulu eguquguqukayo kwihlabathi ngenxa yobuchule bamafama eli.

“Okona kuxhalabisayo kwiinjongo zethu zokutyala imali kwezolimo eMzantsi Afrika, yimeko yezopolitiko engazinzanga, kodwa amafama ayasebenza nangona kunjalo,” kucacisa uHennessy.

Uthi ilizwe loMzantsi Afrika lelinye lamazwe akwazileyo ukuthibaza ubungozi bembalela kwimfuyo nakwizityalo ngokunjalo.

“Ngaphandle kwamathandabuzo ilizwe loMzantsi Afrika yindawo esijonge kuyo kwiinkqubo zethu zokwandisa umsebenzi wethu,” utsho uHennessy.

Ingxelo yalo kopolotyeni ithi kwiminyaka elishumi ezayo bajonge ukutyala imali kwezolimo kumazwe aseAfrika, uMzantsi Afrika ubelikhaya labo.

“Uphando lwethu libonisa ukuba kukho imfuneko eninzi yokuveliswa kokutya kwihlabathi, kwaye ilizwekazi laseAfrika linemihlaba efanelekileyo, uMzantsi Afrika unazo zonke izinto esizifunayo,” utshilo uHennessy.

Uthi kukho imfuneko emandla yokuba amafama asaqalayo nalawo sele ephumelele aqalise ukusebenzisa ulwazana analo kuveliswe ukutya.

Kwiveki ephelileyo kuvuke umlo phakathi kwamafama amhlophe namapolisa ngethuba kufika enkundleni eFreyistata, indoda etyholwa ngokubulala umfama. Eli lizwe lijongene nomcelimngeni wokubulawa kwamafama kumaphondo ohlukeneyo.

Urhulumente welizwe loMzantsi Afrika ekuqaleni kwalo nyaka uye wanaba, ekhangela amazwe anokusebenzisana nawo ukukhulisa ulimo nokufuya eAfrika. Ethetha ngeli nyathelo lokwakhiwa kwentsebenziswano, uMphathiswa weSebe lezoLimo, uLobo naMahlathi kweli, uThoko Didiza wathi: “Sivela eGhana kwimfunalwazi, sikhangela ulwazi olukhoyo apha eAfrika nakumanye amazwe ngeendlela zokukhulisa ukulima nokufuya kwilizwe loMzantsi Afrika,” watsho uDidiza.