Abangcwabi banceda iziko loluntu elidingayo

 

Isebe lakwa Avbob lase Mthatha liphathele iziko loluntu izipho.

Umzi wabangcwabi wakwa Avbob eMthatha uye wavakelelwa wanikela ngezipho kwi Temba Community Development Services ukuhlangabezana neengxaki elijamelene nazo eliziko.

Eliziko linonophela abantu abachatshazelwe yintsholongwana ka Gawulayo kwaye abangena bani wokubajonga emakhayeni abo, okwangoku ligcine izigulana ezingamashumi amabini anesibini kwaye kusebenza amavolontiya apha.

Umphathi wesebe lakwa Avbob apho, uMnumzana Lunga Mfengwana, uthi baye bafumanisa ukuba eliziko lizinze eMaiden Farm kuninzi elikudingayo baze bagqiba kwelokuba mabaphose oko lontwana banayo.

“Kudala sinikela kuluntu lwase Mthatha ingakumbi ngelithuba uluntu luthwaxwa ngubhubhane we COVID-19. Sifumanise ukuba iziko lase Temba Community Development Services linentswelo ezithile esithi sabona ukuba masilincede ngazo,” utshilo oka Mfengwana.

Umsitho wokunikezela ngezipho ezifana nesitovu sombane, ukutya, isanitizers kunye namanapkin asetyenziswa ngabantu abadala. Lomsitho usasazwe sisikhululo sasekuhlaleni i-UCR FM 97.0.

“Sibancomana kakhulu abasebenzi balapha ngokuzinikela nangona besebenza kwiimeko ezinzima. Ukuba nezinye iinkampani zingenza njengoko uAvbob ethe wenza singancedakala kakhulu nakwezinye izinto esizidingayo.Sicela namanye amashishini azeke mzekweni,” utshilo umphathiziko u Nkosazana Marwede.

ULulama Boxoza ongomnye ophethe eliziko wothulele isebe lika Avbob wase Mthatha umnqwazi esithi mabenze njalo nakwabanye.