Avule ishishini amaphara eCacadu!

Emva kokuduma ngokwenza ulwaphulomthetho, ukungakwazi kuziphatha nokuba yingxaki kwiintsapho zabo, abafana baseCacadu abalishumi badibene bavula ishishini.

Bathi badiniwe kukuxakekisa abazali babo ngokwaphula umthetho nokuhlala ezitalatweni bethatha izinto zabantu.

“Abantu basasibiza ngeli gama lamaphara, kodwa thina sitshintshile ngoku, sithatha imithwalo yabantu abaphuma kwezi venkile (Spar, Boxer noShoprite) siyigcine logama besiya kuthenga kwezinye iindawo,” itshilo inkokeli yeli qela.

Uthi ngaphandle kokugcina le mithwalo, bayabakhapha abahlali ukuya kwiindawo abakhwela kuzo iiteksi. “Sibabiza iiponti ezintandathu ezineshumi xa sibasa kwiindawo zokukhwela, siqokelela loo mali, siyabe emva kwemini sigoduke.”

Ngelikhusela isidima sabo bacele ukuba amagama abo singawabizi.

“Abanye abantu bebesazi ukuba besisaphula umthetho, abanye bebengasazi, ngoku xa usibiza ngamagama baza kothuka ukuba besingamaphara.

Eli qela labafana linobudlelwane obuhle nezi venkile kuba baphungula umthwalo kubathengi.

“Ayikho into emnandi ngokuxhwila izinto zabantu, uhlala usoyika nokuba uhamba esitalatweni, nokuba ulele uhlala ulindele ukuba kungafika umntu obuthathe isipaji sakhe okanye izinto zakhe,” kutsho igatyana lesibini.

Idolophu yaseCacadu yenye yeedolophu zeli lizwe enezinga eliphezulu lentswelangqesho ebangela ulwaphulomthetho. Iindawo eziphambili eziqesha abantu kule dolophu ziquka amasebe karhulumente, iivenkile zokutya, ezotywala neevenkile ezithengisa izinto zokwakha.

“Mna ndiyeke isikolo ngenxa yokonganyelwa ziitshomi, ndaqala ukutshaya, ndasela utywala, ndatshaya iziyobisi – zonke ezo zinto zifuna imali, ngenxa yoko ndophule umthetho ngokuxhwila izinto zabantu,” kutsho owesithathu.

Aba basebenzi baziqeshileyo banencwadi ekubhalwa kuyo inani lemithwalo yosuku, imali ehlawulwe ngomthwalo nothe wahambisa loo mthwalo.

“Kaloku kufuneka siyazi ukuba ngubani obehambe nenqwelo ngeliphi ixesha, xa kukhalaza umhlali, siyakwazi ukuya encwadini sijonge ukuba ngubani obethathe umthwalo,” kutsho inkokheli yabo.

Kumatyala abathe bawenza bathi abazange babulale mntu koko babethatha izinto babaleke.