Bongani Zungu: Nikhalaza nokuba siphumelele, nifunani kanti?

UBongani Zungu uvakalise ukuphoxeka kwakhe kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter, yindlela abalandeli bebhola abaligxeka ngayo iqela lesizwe emva kokuphumelela kule veki. OkaZungu ebengomnye wabadlali abenze indima ebonakalayo ngethuba aBafana Bafana bebetha iSao Tome Principe ngo’4-2 emdlalweni obuseNelson Mandela Bay Stadium kule veki. Emva kokuphumelela umdlalo wesithathu, uMzantsi Afrika ulingana neGhana ethe ngcu phezulu kuGroup C ngamanqaku alithoba. Nangona iqela likaMolefi Ntseki liphumelele – kodwa abalandeli abathile bayigxekile indlela elidlale ngayo.

Ukuxhathisa nokufaka kwayo amagowuli iSao Tome zezinye zezinto ezibaxhalabisileyo abantu emdlalweni obuseBhayi. UZungu uthi abantu makhe bayeke ukukhalaza nokuba iqela lesizwe liphumelele kwaye akayazi eyona nto bayifunayo. “Xa sibethiwe, abantu bayakhalaza. Xa siphumelele abanye abantu bathi akonelanga. Kanti nifunani? ubuzile uZungu exakiwe zizigxeko emva kokuba aBafana Bafana bebethe iSao Tome ngo’2-0 nango’4-2.

Nangona kube njalo, yena umqeqeshi ulincomile iqela lakhe eliwagaleleyo amagowuli emdlalweni obuseBhayi emizuzwini yokugqibela. UNtseki uthe enkosi kubadlali bakhe abaphumelele imidlalo ebalulekileyo. “Kufanele sithi enkosi ebadlalini ngokudlala kakuhle. Phambi kwemidlalo, sifumene iingxaki ezifana nokurhoxa kwenkitha yabadlali ngenxa yeengxaki.

Abadlali esibafumeneyo bafike bazimisela emsebenzini, Intsebenziswano esiyakhileyo kwezi ntsuku sisonke buyasivuyisa. Abadlali basuka kumaqela ngamaqela beneendlela abaqhele ukudlala ngazo – kodwa esikubonileyo emidlalweni yethu kukuba sineyethu indlela yokudlala. Sidlale ibhola entle kakhulu,” utshilo uNtseki, obephantsi koxinizelelo emva kokungaqhubi kakuhle kweqela lakhe emidlalweni yobuhlobo kwinyanga ephelileyo. Likhona ithuba laBafana lokuphumelela uGroup C emva kokuphumelela kweSudan eyothuse iGhana.