Ugaxeleke engozini yemoto wasweleka uAnele Ngcongca

Iindaba ezingenayo ekuseni nje zithi obekade edlalela iMamelodi Sundowns, uAnele Ngcongca, ugaxeleke engozini yemoto esube ubomi bakhe. Ukuba kufikele uNgcongca eza kudlalela AmaZulu amthathe kwiSundowns kutshanje kwakucaca okokuba akanayo indawo kubaqeqeshi abakhoyo. UNgcongca, 33, belelinye lamaxhadi kaPitso Mosimane ngethuba esengumqeqeshi kwiSundowns. Ingozi yenzeke KwaZulu-Natal namhlanje ekuseni kwaye ebengekadlali namnye umdlalo kuMaZulu. OkaNgcongca udlale ixesha elide eYurophu phambi kokubuyela eMzantsi Afrika – kanti udlalile nakuBafana Bafana.