Isikhalo ngekliniki ‘ehleba’ izigulana

Umtshana wakhe wabanjwa ngumkhuhlane enobushushu emzimbeni de bagqiba kwelokuba bamse kwikliniki yasePhunzana eTildini eQonce.

Kwakungomhla wamashumi amathathu ananye kweyoKwindla kulo nyaka yaye emva kokunikwa uncedo lonyango, waphila lo mtshana.

Kodwa kwiiyurana nje ezingephi, umsebenzi wala kliniki waxelela umntu oseKapa esithi lo mtshana uneCovid-19. OseKapa waxelela amaziyo oseMonti, ze lo oseMonti walusa lunjalo olo lwimi kusapho lwalo mtshana.

Kodwa emva kweeyurana bebuyile ekliniki, usapho lwalo mtshana lwafumana umyalezo kaWhatsApp kumntu oseMonti efuna ukuqonda ngcono ngeCovid-19 “ebambe” olu sapho.

“Ndothuka ukuva ezi ndaba kuba mna umtshana wam ndimazi engenaCovid-19 koko ebanjwe ngumkhuhlane. Ndasibuza esi sihlobo sam siseMonti okokuba siyive ngabani le nto, sathi siyive ngomntu osebenza ekliniki,” litshilo ilungu lolu sapho, indoda engafunanga kuchazwa ukukhusela isidima somtshana wayo.

Le ndoda ithi ngomhla wokuqala kuTshazimpuzi yaya kula kliniki iyokuqonda malunga nalo mba. “Yaba ngunam nawe, bengafuni kumchaza lo mntu uhlebe umtshana wam. Ndababuza ukuba kutheni bengasixeleli ukuba umtshana wam uneCovid-19. Bathi mandibhale iinkcukacha zam ukuze zidluliselwe kumphathi wabo onguNksk. Mgwatyu, kodwa kunanamhla oku, akukho mntu owade wabuyela kum.”

Isithethi sezeMpilo eMpuma Koloni, uSizwe Kupelo, uthi akwamkelekanga ukuchazwa kwesigulo sesigulana komnye umntu. “Lo nto ihambelana neSolotya loMthetho wezeMpilo kaZwelonke (National Health Act). Lo ofake isikhalazo sicela asebenzise le nombolo 08000 32364, abike yonke into akhalaza ngayo,” utshilo uKupelo.

Le ndoda ikwathe: “Abantu abaninzi bayayishiya la kliniki baye esibhedlele eGrey eQonce ngenxa yolwimi lwabasebenzi bayo. Into endiyifuna kuNksk. Mgwatyu kukuba andixelele ukuba manyathelo mani aza kuwathatha malunga noku!”