Ayinikwanga bheyile indoda ebulele umama nabantwana!

 

Inkundla yaseXhorha isikhabile isicelo sebheyile sendoda yaseZimbabwe, uNowa Makula (34), ojongene netyala lokuxhaxha ibulale amalungu amathandathu osapho, umama wabantwana bayo kwakunye nabantwana.

Isithethi seNPA kwingingqi yala mmandla, uLuxolo Tyali, udiza ukuba ityala eli limiselwe umhla wama28 kwinyanga ezayo.

UMakula usengaphakathi eziseleni.

UMakula wabanjwa ngosuku olulandelayo enze esi sihelegu eGinsberg ngabecuphi, elungiselela ukuwelela kwilizwe lakhe eZimbabwe.

Izolo la maxhoba mathandathu angcwatyiwe kwikhaya lawo eSidabukwenu eXhorha.

Amaxhoba nguNomzamo (42), kwakunye nabantwana bakhe abahlanu, abathathu kwaba bantwana ngabakaMakula, amawele kwakunye noneenyanga ezintandathu ezelwe.

UMphathiswa wamaPolisa, uNjengele Bheki Cele, nobezimase lo mngcwabo, uncome igqiza labecuphi elikhokelwa nguBrigadier Ngculu elibangele ukuba adibane nengalo yomthetho uMakula.

UCele ukwabongoze abahlali ekubeni bathi gqolo ukulwa izenzo zobundlobongela nanjengoko esithi ukholelwa ukuba ubundlobongela kuqala ekhaya.

Ukwabongoze amadoda ekubeni ahlale ehlonipha abantu basetyhini kwaye babakhusele.