Iimpawu zezinyanya ezingamagwala

Kukho amaxesha wokuba ikhaya lenze umcimbi ngendlela egwenxa okanye ubani athwasiswe ligqirha ngendlela engeyiyo, kodwa izinyanya zomzi zitye tyum zingabonakalisi miqondiso yokuba kukho undonakele – zale ethubeni zikhalaze ngelithi into ethile ayizange ihambe ngendlela.

Olu luphawu lobugwala kwizinyanya, ngokokutsho kukaPhuthumile Fuyani oligqirha, obencokolela I’solezwe lesiXhosa kule veki.

“Kukho amaxesha apho uye ubone ukuba kweminye imizi izinyanya zingamagwala. Thina bantu bamnyama, singabantu apha abalindela imiqondiso xa sisenza izinto. Kodwa kukho amaxesha apho endiye ndibone okokubana, izinyanya ezi zibayekele abantu bomzi. Zibayekela nje uye ubone ukuba kukho ubugwala kuzo,” kutsho uFuyani.

“Uyakukhumbula ukuba izinyanya ezi ibingabantu. Into ebangela ukuba ndithethe lo nto, kukuba kukho izehlo apho xa kuza kwenziwa isiko, nina bantu bazokuzimasa eli siko, nibone ukuba eli siko ayililo. Kodwa izinyanya ziyeke kuqhutywe, kungaveli nethongo okanye umqondiso obonisa ukuba le nto yenziwa ekhapha asiyiyo,” utshilo uFuyani.

UFuyani uthi ukuphindwa kwesiko ebesele lenziwe emzini, luphawu lwezinyanya eziwuyekeleyo umzi.

“Ewe amasiko emizi ayohluka, kodwa bathi abantu besenza umsebenzi olungileyo kodwa ufumanise ukuba bawenza ngendlela egwenxa. Le nto yamasiko enziwa gwenxa ivame kakhulu kwimisebenzi ekhokelwa ngamagqirha, apho uye ubone umsebenzi uphindwa. Inqabile into yokuphazamiseka kwemisebenzi apho ikhaya lizenzela ngokwalo.

“Umbuzo ke ngoku oye ofike kukuba, kutheni izinyanya zalo mzi zinganqandi? Kutheni zilinda de konakale? Abantu bagule emzini kodwa izinyanya zikhona, aziyivezi imiqondiso. Omnye umntu ade athwasiswe ngumntu ongazange wathwasa. Kutheni izinyanya zakowabo lo mntu zingamxeleli ukuba ‘lo mntu uthwasa kuye akazange wathwasa?’ Yile nto ndithi ngelinye ixesha izinyanya ziye zibe ngamagwala,” kutsho uFuyani.

Lo kaFuyani ukwaveze nokuba izinyanya ezi ziye zisindwe yimimoya engendawo.

“Ngamanye amaxesha izinyanya ziyonganyelwa ziimeko zobumdaka okanye ukungcola kwabantu. Kangangokuba iminyanya yomzi ide ithi gu bucala. Kodwa ibayekela njani abantwana bayo le minyanya?

“Ndithetha nje ndiyayazi ukuba kukho imizi ongenakwenza nje into oyithandayo. Namagqirha ayayazi lo nto yokuba kukho imizi ongenakwenza nje unothanda,” kutsho uFuyani.

Ethetha ngemiqondiso eye ivele xa isiko lingahambi ngendlela, uFuyani uthe: “Mininzi imiqondiso evelayo xa kusenziwa umsebenzi, ngokwehluka kwayo. Eminye imiqondiso ichaza izinto ezintle, eminye ichaze izinto ezimbi.”

“Umzekelo xa sithetha ngemfukamo yekhaya, abantu befukamele enkundleni, ze emva koko bayohlwayelelwa emlanjeni – kuye kubekwe ibhekile phezu kwamanzi ihambe. Ngamanye amaxesha livele lithi igqirha liqala nje ukuyibeka ibhekile ivele iqubude. Akufuneki iqubude ibhekile, kufuneka ihambe.

“Komnye umzi eNgqushwa, intlabi yekhaya yavela yatyiwa ziinyosi yodwa. Abanye abantu zange batyiwa zeza nyosi, zatya intlabi yodwa. Ngelinye ixesha nithi nisenza umsebenzi, kuvele kophuke le nkomo niza kusebenza ngayo. Ngamanye amaxesha kuvele kugule lo mntu wenzelwa umsebenzi. Maxa wambi singakhali isilwanyana, okanye sibaleke okanye siduke ethafeni. Kwamanye amaxesha ibhekile yesilawu ivele ingavumi ukonyuka (igwebu).”