Amakhosi abulela inqaku emva kokuxikixwa yiLeopards

Unozinti weKaizer Chiefs, u-Itumeleng Khune, akasoze ayilibale impazamo ayenze emdlalweni wanamhlanje emva kokuba ephe u-Ovidy Karuru ibhola okwentonga yomnquma kwisigaba sokuqala. Nangona Amakhosi abefuna amanqaku apheleleyo eF-NB Stadium – kodwa ukubuya ngasemva abambane neBlack Leopards ngo’2-2 kuya kuwaxolisa kakhulu.

UKaruru, owayedlalela iChiefs eminyakeni egqithileyo, ubeke iLeopards phambili emva kokuba uKhune ekhabele ibhola ngqo kuye, akalibazisa wayibeka emnatheni ibhola. Igowuli linike iLeopards amandla okuxhathisa kwiChiefs ebizama ukuya phambili – kodwa ingakwazi ukugqobhoza. Ubhakuzelise umnatha kwakhona uKaruru emva kokufumana ibhola entle kugxa wakhe, uTebego Makobela. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChiefs ihamba emva futhi iyiLeopards eyenze imizamo engcono yokufaka amanye amagowuli.

Isiqalo sesiqingatha sesibini khange sibe nomahluko, iLidoda Duvha yeyona ebidlalela ukuwuphumelela umdlalo. URodney Ramagalela ugalele naye emnatheni kaKhune – kodwa usompempe akalivumanga igowuli kuba esithi umdlali weLeopards ebelalele. Kuye kwanyanzeleka uGavin Hunt enze iinguqu ukuze kubekho umahluko kwiqela lakhe.

Ukhuphe uAgay Akumu noLebogang Manyama, kwiindawo zabo ufake uBernard Parker noLazarous Kambole. Emva koko uNkosingiphile Ngcobo ufake igowuli lokuqala leChiefs. Atyhale ngesifuba Amakhosi ade afumana igowuli lesibini elifakwe nguKhama Billiat. Umdlalo uphele amaqela omabini ebambene ngo’2-2 emdlalweni weDStv Premiership ebekufanele iwuphumelele iBlack Leopards. Emidlalweni emithandathu, iChiefs iphumelele umdlalo omnye kuphela.

Chiefs: Khune, Moleko, Zulu, Mathoho, Cardoso, Akumu, Blom, Ngcobo, Castro, Manyama, Billiat.

Amalalela: Akpeyi, Parker, Katsande, Mphahlele, Ngezana, Ntshangase, Kambole, Mashiane, Lesako.

Leopards: Ndlovu, Makobela, Khumalo, Gyimah, Douhadji, Abubakar, Mthethwa, Karuru, Ramagalela, Makgetlwa, Kabwe.

Amalalela: Mendes, Zulu, Sampson, Adrianarimanana, Ononogbu, T.Ndlovu, Masalesa, Maluleke.