Usinde cebeshu, esindisa utitshalakazi obhubhe emva kokuhlaselwa yinkomo

UMHLALI ozame ukusindisa utitshalakazi uZininzi Mthethandaba obehlaselwa yimazi yenkomo eQengqane eMdeni kuQumbu, uphele sele ezilwela ngamatye kwesi sivuthevuthe senkomo emva kokuphuncukelwa yintonga – ngelo xesha lo titshalakazi ulele phantsi ulujaja ligazi.

Abosapho bathi uZininzi, obehlohla kwisikolo iNcoti Primary, ubhaqwe ekhala ehlaselwa yile nkomo. Imhlasele nangakumbi apha emilenzeni kangangokuba inyama ibide yaxobuka, kwavela amathambo.

Lo titshalakazi ubhubhele kwisibhedlele saseMthatha, iNelson Mandela Academic, egcuma ziintlungu. Ebeqale wasiya eDr Malizo Mpehle phambi kokuba adluliselwe eMthatha.

Othethela usapho, uKhaya Litha Ludidi, uthi uZininzi ungcwatywe ngoMgqibelo. ULudidi uthi basothuke nangoku sesi sehlo.

“Yena ubonwe ngumntu walapha elalini ekhala yabe le nkomo ivuza ligazi emlonyeni. Ebekhala ecela amancedo. Lo mhlali ufike le ntwazana yakowethu isopha, wazama ukuyibetha le nkomo esebenzisa intonga. Yonde ngalo mhlali le nkomo wancama wabaleka futhi naye uzisindise ngokusebenzisa amatye kuba intonga yakhe ibisele iphuncukile kuye.

“Le nkomo yenze eli sikizi yimazi yohlobo lweenkomo zomgquba (inkomo yesiXhosa) kwaye ibisandula ukuzala ithole. Ngokolwazi lwethu ayizange yahlasela mntu le nkomo,” kutsho uLudidi.

ULudidi uthi umnini wale nkomo naye yititshala esebenza eKapa. “Ungumntu endimaziyo, futhi ubonakalise ukuzisola malunga noku.”

ULudidi uthi le nyewe bayinikele kumnini wenkomo kwakunye nesebe lezolimo.