Iyikhusele kwakhona intshinga yayo iOR Tambo, yabona bantwana baninzi ababelekwe ngeNyibidyala

INGINGQI yaseOR Tambo iphinde yayikhusela kwakhona intshinga yayo, yabona bantwana baninzi ababelekwe ngeNyibidyala kwiphondo laseMpuma Koloni.

Kubantwana abangamakhulu amabini anamashumi amahlanu ananye (251) ababelekwe ngosuku lokuqala luka2021, iOR Tambo inkqenkqeze phambili ngabantwana abangamashumi asixhenxe anesine (74).

Isebe lezeMpilo eMpuma Koloni lithi ingingqi yeOR Tambo ithe gqolo ukunkqenkqeza phambili kule minyaka mithathu idlulileyo ngabona bantwana baninzi ababelekwe ngeNyibidyala.

Abantwana ababini bokuqala ukubona ilanga kweli phondo bebeseNelson Mandela Bay.

“Isebe liyabomkela aba bantwana batsha kweli phondo lithemba ukuba iintsapho ziza kubanika uthando,” litshilo isebe kwimbalelwano.