Mabuyane: ‘Abantu baseMpuma Koloni bonke baphethe, abanye abafuni kukhokelwa’

INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane uthi umsebenzi owenziwa ngurhulumente wephondo uyanconywa ngabantu abadala ephondweni, kodwa ukwaveze ukuba kukho ukubangelwa “komdintsi netyheneba” komsebenzi wabo ngabantu abakumaqonga onxibelelwano afana noFacebook noTwitter.

Ebethetha ngentseni yangoLwesine kwinkqubo ebhexeshwa nguSiphiwo Magoda yoMhlobo Wenene FM ethi Umxholo kuMhlobo.

“EMpuma Koloni yonke into iyathethisa. Abantu baseMpuma Koloni banento yokuthetha. Abantu baseMpuma Koloni bonke baphethe, bonke bakhokele. Abanye zizisalakuphathwa, abanye abafuni kukhokelwa. Lo ukhokeleyo bamdibela izigingqi. Abantu bayonyeliswa nangezinto ezingekhoyo,” utshilo uMabuyane.

UMabuyane uthi kukho iqela labantu elihlala ligxeka umsebenzi karhulumente wephondo.

“Ubomi babo kukuhlala begxeka, umntu akananto ayibonayo ebhetele. Ingathi akusetyenzwa, kodwa kube kukho abantu abangalaliyo njengokuba singalalanga ngoku sizama ukuthetha into enye, sibongoza ngelithi indlela yokuyoyisa le ntsholongwane kukuqinisekisa ukuba abantu abaphithizeli.

“Bendisithi komnye umntu ebendithetha naye, ukuba iMpuma Koloni ibingakhange ivale amalwandle ngesikwimeko embi kakhulu ngoku xa ujonga indlela amanye amaphondo akuyo malunga nokukhula kolosuleleko [lweCovid-19].

“Into endomelezayo kuxa ndifika ezilalini kubantu abadala, kuthwe ‘mntwanam niyasebenza, siyayibona le nto niyenzayo, siyabulela’. Ilizwe eli linabantu ngabantu, bakhona abo ungasoze ubancede kodwa abanengxolo enkulu, abathi bayise kumakhasi onxibelelwano igqibe ihlabathi, nyhani nibonakale ninuka umzondo, banibangele umdintsi netyheneba,” utshilo uMabuyane.