Amakhosi aphumelele umdlalo wawo wesibini kwiDStv Premiership!

Ekugqibeleni, abalandeli bade bancuma emva kokuba Amakhosi ephumelele umdlalo wawo wesibini weDStv Premiership. Amakhosi azibethele AmaZulu ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni obunzima kakhulu eKings Park Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Igowuli leKaizer Chiefs lifakwe nguSamir Nurkovic emzuzwini weshumi elinanye kwisigaba sokuqala somdlalo.

UNurkovic ubhakuzelise umnatha emva kukaVeli Mothwa ngebhola adibene nayo ikhatyelwe emva ngumdlali waMaZulu. Noxa iChiefs ikwazile ukufumana igowuli nokukhabela unozinti amatyeli ambalwa – kodwa AmaZulu ngawona adlale ibhola ebhetele. Amathuba okufaka amagowuli ebekhona – kodwa akukho qela elikwazileyo ukuwasebenzisa. Ifolosi yoSuthu, u-Augustine Mulenga ngoyena mdlali obeyinkathazo – kodwa ibifika uDaniel Akpeyi ethe qwa ezipalini.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iChiefs inamandla ngenxa yegowuli elifumene kwangoko emdlalweni. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu nakwesesibini isiqingatha somdlalo. AmaZulu ayibeke phantsi ibhola esebenzisa uSithebe neSikhakhane esiswini. Uye waqina ngakumbi umdlalo waMaZulu kwisigaba sesibini emva kokuba uBennie McCarthy efake uLuyuyo Memela obengamboni tu uSiyabonga Ngezana.

UHappy Mashiane uye wakhutshwa kwisigaba sesibini nangona ebenomdlalo omhle. Ukhatywe emzuzwini wokuqala emdlalweni nguSikhakhane onikwe ikhadi elityheli ngusompempe. Ukungena kukaKambole, uBaccus noNgcobo – kuyiqinisile indlela edlale ngayo iChiefs ebisukelwa ngaMaZulu. Ngoku iChiefs ineshumi lamanqaku, nawo AmaZulu aneshumi lamanqaku. Komnye umdlalo, iSuperSport United ibambene ngo’1-1 neBloemfontein Celtic.