Kukhangelwa unina wosana olunyengezwe eMthatha

 

Usana oluqikelelwa kwiinyanga ezimbini ukuya kwezine luzelwe, olubhaqwe ngabahlali lulahlwe ngase-Efata eMthatha, luthathiwe ngamapolisa labekwa kwindawo ekhuselekileyo.

Ngokwengxelo ephuma kwiSithethi samaPolisa ePhondweni uKapteni Khaya Tonjeni, olu sana luyinkwenkwe lubhaqwe emva kwentsimbi yesibhozo kusasa kwisitalato iEfata Extention kwilokishi yaseChris Hani eMthatha luzihlelele, kucaca ukuba akukudalanga lunyengeziwe.

Usana olunyengezwe lashiywa eMthatha Umfanekiso: Uthunyelwe

Umama wosana akaziwa.

Amapolisa ala mmandla abongoza intsebenziswano kubahlali, nakuye nabani na obesazi owasetyhini okhulelweyo, kodwa lube usana lungabonakali eze ngaphambili emapoliseni.

Ityala lokulahlwa kosana livuliwe kwaye uphando luyaqhubekeka.

Ukanti kukwabongozwa nakwizihlobo ezo zosana zize ngaphambili okanye zitsalele umcuphi ophanda ngeli tyala uSgt Nomaphelo Tshikila ku: 047-531 2170 ngamaxesha omsebenzi.