Amakhosi aheshwe okomshologu yiMorocco ngenxa yeKhorona!

Kulindeleke iCaf ixoze omnye umphini okanye inike iKaizer Chiefs amanqaku amathathu emva kokuthintelwa kwayo yiMorocco. Amakhosi, abezimisele ukuntingela emantla we-Afrika, aheshwe okomshologu ngabasemagunyeni eMorocco ngenxa yeKhorona. Ngentseni yayizolo, iChiefs ivakalise kwikhasi layo lonxibelelwano, uFacebook, ukuphamiseka kwayo kukunganikwa ngokukhawuleza iincwadi zokungena kwilizwe laseMorocco. Amakhosi kufanele aqubisane neWydad Casablanca ngokuhlwa kwangoMgqibelo emdlalweni weCaf Champions League. Onke amalungiselelo ohambo aquka nendawo yokuhlala sele enziwe kwangethuba yiChiefs.

Ngorhatya izolo, iMorocco ukhuphe ingxelo ebhaliweyo ecacise kuyo isizathu sokungavunyelwa kweChiefs. “Singumbutho webhola waseMorocco (The Royal Moroccan Football Federation) sithumele incwadi kwikomiti yeCaf siyazisa okokuba abasemagunyeni bagqibe kwelokuba iKaizer Chiefs ingavunyelwa ingene eMorocco ngenxa yemeko yezempilo eyoyamene neKhorona,” itshilo ingxelo. Abebhola eMorocco bacele umdlalo uhlehliswe okanye ubanjelwe kwelinye ilizwe. Ukuba iCaf ayikwazi ukufumana enye indawo ngokukhawuleza, kungenzeka iChiefs inikwe amanqaku amathathu. Ngoku iChiefs ilinde umkhombandlela kwiCaf.

Imidlalo yonke idlalwa phantsi kwemiqathango engqongqo kuba kuzanywa ukuqinisekisa okokuba akubikho losuleleko. Njengeqela isiya kwelinye ilizwe, iChiefs kufuneka ihambe ibahlole bonke abadlali bayo. Naxa ifika kwelinye ilizwe, kwenziwa olunye uvavanyo. Akukho mdlali weChiefs oneKhorona obikiweyo ukuza kuthi ga ngoku ukusukela oko kuqale isizini yeDStv Premiership nemidlalo yeCaf Champions League.