IPirates iphumelele lula umdlalo ephose amathuba amaninzi kuwo

Ngaphandle kwamathandabuzo, uJosef Zinnbauer uza kuwamkela amanqaku amathathu – kodwa into engeke imonwabise, yindlela abadlali bakhe abawaphose ngayo amathuba emdlalweni wanamhlanje. Emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe e-Orlando Stadium, i-Orlando Pirates iphumelele lula ngamagowuli amabini eqandeni (2-1) ibetha iCape Town City. Ezimnyama zibhakuzelise umnatha kwangoko kakhulu emdlalweni wanamhlanje.

UDeon Hotto ubhalise ebhodini kungaphelanga nomzuzu umdlalo uqalile emva kokunikelwa ibhola ngobuchule nguThabang Monare. Emva koko, uVincent Pule ufake elesibini emva kokuba abadlali beCity boyiswe kukukhabela ngaphandle ibhola edlalwe nguThembinkosi Lorch. Abadlali beCitizens bazamile ukudibanisa iibhola njengesiqhelo xa besiya phambili – kodwa iPirates ayibanikanga ithuba lokudlala. UPeter Leeuwenburgh ngoyena nozinti obexakekile ngaphezulu kukaRichard Ofori obekwiholide.

Emva kokuvala isigaba sokuqala ihamba phambili, iPirates ibuyele emdlalweni ifuna ukukhusela enako. Izamile ukusukela iCape Town City, into ebembi kukuba ayikwazanga ukugqobhoza udonga leBucs emva. Noxa isantya somdlalo siye sehla – kodwa uSiphesihle Ndlovu, uHotto noFortune Makaringe ngawona madoda adlale ngendlela encomekayo ebaleni namhlanje. Okuye kwakubi ibe kukungqubana mgeentloko kukaNdlovu noMonare oye wakhutshwa emdlalweni.

Izamile ukudala amathuba iCape Town City – kodwa elona eliye lacaca ithuba leliyekwe nguThabo Nodada oqabelise ibhola esendaweni entle phambi kweepali. Emva komsebenzi omhle owenziwe nguLinda Mntambo noMakaringe, uLorch noHotto banetyala lokuphosa amathuba acacileyo emdlalweni ongowuphele ngo’5-0. Impumelelo yanamhlanje ithathe iPirates yayibeka kwindawo yesine kwiDStv Premiership emva kokuqokelela amashumi amabini anesibhozo amanqaku kule sizini. Libuyela ekhaya iqela laseNtshona Koloni lingabhaqanga neli lokubika igowuli.

Pirates: Ofori, Jele, Hlatshwayo, Ndlovu, Mako, Motshwari, Monare, Makaringe, Pule, Hotto, Lorch.

Amalalela: Mpontshane, Mundele, Dzvukamanja, Sesane, Tshobeni, Mntambo, Maela, Sam, Dlamini.

Cape Town City: Leeuwenburgh, Martin, Fielies, Cupido, Mashego, Mokeke, Nodada, Mdantsane, Ralani, Lakay, Morris.

Amalalela: Anderson, Mkhize, Roberts, Shonga, Makola, Zulu, Mobara, Potouridis.