Mabuyane: ‘Ndiza kusithabatha kungekudala isigqibo ngoGomba’

INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane uthi uza kusithabatha kungekudala isigqibo ngoMphathiswa wezeMpilo, uSindiswa Gomba, emva kokuvela kwalo mphathiswa kwinkundla yaseMonti ngoLwesihlanu ngezityholo zobuqhetseba obubandakanya ukwehliswa ngomlenze kwemali eyayiphunyezelwe amalungiselelo omngcwabo kaNelson Mandela.

Le mali, neqikelelwa kwizigidi ezilishumi (R10 million), yayiphunyezwe ngo2013 ukulungiselela umngcwabo kaMandela. Iinkokheli zeANC eBCM ziquka noosomashishini, kurhaneleka ukuba zayehlisa ngomlenze le mali zisabelana ngayo. Ngelo xesha uGomba wayesenguceba weANC eBCM.

Eli tyala lalikhe lahlehliswa kodwa iNPA iphinde yalivusa, emva kokuvala izikroba kulo. UGomba ekunye nabanye abarhanelwa abaquka inkokheli yeANC eBCM, uPhumlani Mkolo, baye banikwa ibheyile de kube ngomhla wesihlanu kweyoKwindla.

Isithethi sikaMabuyane, uMvusiwekhaya Sicwetsha, sithi iNkulubaphathiswa izithatha njengento enobuzaza izityholo ezityatyekwa uGomba noozakubo. “Njengokuba ebekwe ityala yiNPA, iNkulubaphathiswa iza kuwuqwalasela lo mbandela kwaye iza kuthetha ngesigqibo nabantu bephondo kungekudala.”

“Kubalulekile ukuqaphela ukuba ngethuba iNkulubaphathiswa yayichonga uGomba, wayengojongananga natyala kuba iNPA yayisawachithile amatyala ngakuye,” kutsho uSicwetsha.