Zondo: ‘UZuma makanikwe isigwebo yinkundla, ngokunyevulela iKomishini’

IKomishini ekhokelwa liSekela Jaji eyiNtloko, uRaymond Zondo, ithi iza kuya kwiNkundla yoMgaqo Siseko ukuze obesakuba nguMongameli, uJacob Zuma, afumane isigwebo ngenxa yokunyevulela le komishini.

Le veki, uMvulo (we-15) ukuya ngoLwesihlanu (we-19) ibibekelwe ukuba lo kaZuma avele phambi kwayo. Oku kuza emva kokuba uZuma wayishiya phakathi le komishini ngenyanga yeNkanga, esithi imbhuca amalungelo.

Ngentsasa yangoMvulo (15 kweyoMdumba), amagqwetha kaZuma adize ukuba obesakuba nguMongameli akazuvela phambi kwale komishini ngelithi akukagqitywa ukuphengululwa kwesicelo sikaZuma sokuba uZondo makazikhwebule kule komishini.

Kodwa uZondo, ethetha emva kwemini ngoMvulo, uthi ayinasihlahla le ntetho kaZuma. UZondo uthi xa ubani ekhutshelwe umsila wengwe wokuba makavele phambi kwekomishini, ufanele ukwenza njalo.

UZondo uthi lowo ucinga ukuba akanakubizelwa phambi kwekomishini, ufanele ukuba kuzibika phambi kwenkundla yezomthetho. Inkundla yoMgaqo Siseko yayisele igwebile ngaphambili ngelithi makayovela phambi kwekomishini uZuma. Ukungaveli kukaZuma phambi kukaZondo, kufana nokunyevulela umyaleyo wenkundla.

Ekuqaleni kwale nyanga uZuma wadiza ukuba akazukubonakala nangotshengele kule komishini, ekwathi uxolele ukuya kudontsa isigwebo ejele kunokuba aye kwikomishini “engenabulungisa”.