AmaKwalikwini kaMboniswa

ULangaliyakhanya Mboniswa waseMagemfaneni eCacadu, uyayonwabela ingxolo engafunwayo ngabaninzi eyenziwa ngamaKwalikwini kwifama yakhe. Lo mfama uzibalule ngokufuya ezi ntaka sele zinqabile ukufuywa ngabantu abaninzi bekhala ngezizathu ezahlukeneyo.

“Iinkunzi zilishumi elinesihlanu, iimazi zingamashumi amane anesihlanu, amantshontsho aneenyanga ezintathu ngamashumi amathathu anesixhenxe logama aneenyanga ezimbini ilishumi elinesihlanu,” ngoncumo kucacisa uMboniswa.

Ikhaya lakwaMboniswa likwenye yeengxingwa zeefama ezindala kwiilali zaseMtsheko ezazisebenza kwakwiminyaka yoo1890 zivelisa zikwathengisa imifuno, umbona neziqhamo.

“AmaKwalikwini sikhulele kuwo apha ekhaya, abazali babe wafuyile, nathi ke salandela ekhondweni ngenxa yokuwathanda,” utsho uMboniswa. Ngenxa yemvula, amaqanda abolile kwaye ebefukamile ngelo xesha amaKwalikwini akhe.

“Ngamaqanda aphaya kumashumi alithoba anesithandathu athe aboliswa yimvula enetha ingayeki apha. Ayasuka efukwini lawo kukho amanzi okanye enye into engeneleleyo, ndilahlekelwe,” kucacisa uMboniswa.

Ngokukhula komsebenzi wakhe wokuvelisa amaKwalikwini, uMboniswa uneenjongo ezibanzi.

“Ndijonge ukuthengisela iivenkile ezinkulu zokutya, ndithengisele abantu. Ndingavuya ukuba ndingafumana ithuba lokuwathumela kumazwe angaphandle,” utsho.

Uthi akanqweneli ukuba ngumfama okhulayo ixesha elide, koko unqwenela ukugqitha kwelinye inqanaba abe ngumfama ophume izandla.

”Ayathanda kakhulu ukutya uhlaza, lo nto yenza ukuba avelise amaqanda aphilileyo. Ayathengiswa ke nangaliphi ixesha enyakeni xa umntu efuna amaKwalikwini,” kutsho uMboniswa.

Ixabiso leKwalikwini xa lithengiswa likumakhulu amahlanu weerandi ngokushiyana kobunzima bawo.

“Yintaka ebuthathaka kakhulu le. Ayifuni kubonwa indawo ebekela kuyo. Kuye kunyanzeleke ukuba ikhangelwe, kodwa ingakuboni ukuba uyibonile,” utsho uMboniswa.

Kuthwa ingxaki ephambili ngale ntaka kukuba itya ukutya okuninzi, iyasilela ukukhula nokuvelisa amaqanda xa ingatyi ngokwaneleyo.

“Zitya umgrayo neGrowing Mash, nengca ziyithanda kakhulu. Ndiyazama kodwa kunzima kuba inani lazo liphezulu, kungoko sicela inkxaso kurhulumente nakwiinkampani zabucala,” utsho uMboniswa.

Inyama yawo ithwele izithako ezipheleleyo zeproteni, izakhamzimba zikavithamin B 12. Incedisana nomzimba kakhulu ukwakha izihlunu zomzimba.

Ayinamafutha agqithisileyo inyama yeKwalikwini, ngenxa yoko inezithako ezifanelekileyo ezifunwa ngumzimba.

Iqanda leKwalikwini likhulu kunelo lenkukhu. Iqokobhe lalo liqine ngokumangalisayo kunelenkukhu, umthubi walo ngaphakathi unqumbululu kunowenkukhu.

Liyatyiwa ke iqanda lalo njengeqanda lenkukhu. Nencasa yalo ayahlukanga kakhulu kuleyo yeqanda lenkukhu. Ikwalikwini lizala iqanda kabini ngeveki, logama inkukhu kwimeko eqhelekileyo izala iqanda phantse yonke imihla.

INational Turkey Federation ezinze eMelika ithi ngamakhulu amabini ezigidi amaKwalikwini afuywe kwilizwe laseMelika. Amanye amazwe ehlabathi awanazo iinkcukachamanani zamaKwalikwini.

Ithokazi leKwalikwini liqalisa ukubeka amaqanda xa lineenyanga ezisixhenxe, logama inkukhu ibeka amaqanda xa ineenyanga ezintlanu. Amaqanda weKwalikwini ayafika kwikhulu xa liphilile, lisitya ngokwaneleyo. Amanye kuwo azala yonke imihla njengenkukhu xa efikelele kwixesha lawo lokuzala.