Nqanda ingxaki, faka iqabane kumyolelo wakho

KHA ufane ucinge ukuhlala nendoda iminyaka elishumi elinesithathu uyithatha njengeqabane lakho lanaphakade nangona nje ningatshatanga ngokwasemthethweni.

Ibe le ndoda uhlala nayo yayikhe yanomtshato ngokwesintu nelinye iqabane, ze bohlukana bengakhange batyikitye maxwebhu okuqhawula umtshato. Ikubeka phi yonke le nto xa indoda ibhubhile, wena obuhleli nayo iminyaka elishumi elinesithathu? Ingaba unalo ilungelo kumafa ale ndoda?

Oku kwenzeke kwiNkundla ePhakamileyo yasePitoli, apho “isinqandamathe” besifake ibango ngakumafa wendoda ebhubhileyo. Esi “sinqandamathe” sihleli nale ndoda iminyaka elishumi elinesithathu.

INkundla ifumanise ukuba le ndoda yayitshatile ngokomtshato wesintu yaze yohlukana nomfazi wayo, kodwa bengazange batyikitya phantsi amaxwebhu okuqhawula umtshato ngokusesikweni.

Imithetho yaseMzantsi Afrika ayilithatheli ngqalelo iqabane lakho ohleli nalo ubomi bakho bonke (life partner). Okufunekayo kukuba isibini siyokubhalisa ngokusesikweni umtshato waso kwiSebe leMicimbi yezeKhaya, itsho iCapital Legacy, iingcaphephe kwimiba yemiyolelo namafa.

Into eyenzekileyo kwesi sehlo seNkundla ePhakamileyo yasePitoli, kukuba “isinqandamathe” sibuye nelize kumafa endoda ze yena umfazi ekudala kohlukwana naye wafumana kumafa endoda.

Iqabane lakho ongatshatanga nalo ngokusemthethweni alinalungelo kumafa wakho njengendoda, de kube kanti oko ukubhalile kumyolelo wakho osemthethweni, itsho iCapital Legacy.

Ngaphandle kokutyumba umntu oza kuxhamla kwi-inshorensi yakho yobomi (life insurance), inye kuphela into enokubangela ukuba lowo usondele kuwe axhamle kwilifa lakho, yile yokubhala phantsi umyolelo ngokusemthethweni.

“Ngezizathu eziliqela, abantu baseMzantsi Afrika bayakriniza okanye balibazise ekubhaleni imiyolelo yabo. Abantu bacinga ukuba ukuceba ngamafa yinto enzima, ibe into efunekayo ikukuthetha neengcaphephe ezilungileyo,” kutsho uAlex Simeonides, ingqonyela yakwaCapital Legacy.

Xa ubhala umyolelo, kufuneka ugcine oku: Umyolelo kufuneka utyikitywe nge-inki yosiba; Kufuneka kubekho amangqina amabini angenanto yakwenza nomyolelo; Umyolelo kufuneka uwenze ibe yinto engazukuxaka bantu; Awukwazi ukuphisa ngento engeyoyakho; Ukuba utshatile yazi ukuba umlingane wakho ngoyena onebango elithe xhaxhe; Onke amatyala wakho aza kuhlawula phambi kokuba kuxhanyulwe kumafa wakho; Awukwazi ukuyalela imiyalelo ethi “intombi yam kufuneka itshate nogqirha phambi kokuba ixhamle kumafa”.

Ngeenkcukacha tyelela abakwaCapital Legacy ku www.capitallegacy.co.za