Isidlwengu: ‘Andinakulala ndodwa kubanda’

 

Iinkundla zengingqi zamatyala ezimbini, eyaseMqanduli naseCacadu ngokohlukana kwazo, zigwebe abafana ababini ubomi ejele ngezenzo zokudlwengula.

USandile Ntsomi (28) wakuMpame eMqanduli, uza kuchitha ubomi bakhe ejele emva kokuba inkundla yaseMqanduli imfumene enetyala lokudlwengula intwazana (17) ngomhla wethoba kweyoKwindla ngo2019. Ixhoba lalihamba nomfana (18) walo ancuma naye besiya kulo lomfana kungorhatya.

Ingxelo ephuma kuLuxolo Tyali weNPA kwingingqi yaseMthatha neziphaluka, ithi esi sibini sadibana noNtsomi ephethe ibhozo, wabe sele eyalela isithandwa sexhoba ukuba sibaleke kwaye singalwi ukuba asifuni kufa.

Ngethuba esabaleka, esoyikisela ubomi bakhe nobentombazana yakhe, uNtsomi washiyeka erhuqela intwazana le kwikhaya lakhe, eyixelela ukuba akanakuze alale yedwa kubanda kwaye kusina imvula.

“Ekufikeni kwabo kuloNtsomi, wabeka ibhozo emqaleni kwintwazana le eyiyalela ukuba mayikhulule, emva koko wazithathela amatyeli ngamatyeli kule ntwazana,” utshilo uTyali.

Logama uNtsomi esenza le nto ebengaphandle ngengqawule emva kokuba wayegwetywe iminyaka elishumi elinambini kuba wayefunyenwe enetyala lokuqhekeza.

Ingxelo iqhuba ithi uNtsomi wayikhulula ukuba igoduke intwazana le emva kwentsimbi yesihlanu ekuseni.

Ixhoba lafikela kwaNkosi labika ngokwenzeke kulo. INkosi yendawo yakhawuleza yabiza kwangoko amapolisa wabanjwa uNtsomi.

Kwesinye isiganeko esikumila kunje, esenzeka eCacadu kwilali yaseMachubeni, sisenziwa nguLuyanda Tshisa, apho woxutha intombazana (21) eyigrogrisa ngemela ihamba nesithandwa sayo kweyoMsintsi 2019, emva koko wayokudlwengula le ntombazana kwindawo elibala, ukugqiba kwayo wayirhuqa eyirhuqela kowabo nalapho wafika waphinda wazenzela ngenkani, kwakhona eyidlwengula.

UTyali uthi uTshisa wayikhulula ukuba igoduke le ntombazana, wayiyalela ukuba ingaze iphinde ibe nanto eyidibanisa nesithandwa sayo, kwaye ingaxeleli mntu ngesi sehlo kuba uza kuyibulala.

Ezinkundleni, omabini la madoda adize ukuba awanatyala, ebanga ngelithi babevumelene namaxhoba.

Abetshutshisi, uMelikhaya Dyakopu kwakunye noAvumile Bikitsha, baxelele inkundla ngoMvulo wale veki ngethuba kuququnjelwa la matyala ukuba abarhanelwa bafanelwe sisigwebo sobomi kuba ababonakalisi kuzisola kwaye amaxhoba bawadlwengula amatyeli hayi kanye. Inkundla yabona kufanelekile ukuba banikwe ubom. AbeNPA bazamkele ezi zigwebo.