Zinqunyulwe amaphiko iiNyoni, kodwa usazingomba isifuba umqeqeshi

Emva kwesithuba esingaphaya konyaka, iSwallows ide yakuva ukubethwa. IiNyoni zaseDube zinqunyulwe amaphiko zawa phantsi yiTS Galaxy ngo’2-1 emdlalweni weDStv Premiership ekuqaleni kwale veki eMbombela Stadium kwiphondo laseMpumalanga. Ibiqala ukubethwa uSwallows FC emdlalweni weDStv ukusukela oko yanyuselwa kwinqanaba elingasentla lebhola ekhatywayo. Kanti kwiveki ephelileyo, iiNyoni zikhutshwe kwiNedbank Cup ngo’4-3 kumapenela yiTshakhuma Tsha Madzivhandila emdlalweni onzima.

Ngoku yiMamelodi Sundowns engekoyiswa kwiDStv Premiership kwaye akukabikho zimpawu zakuphulukana nobunganga bayo ngoba iqhuba kakuhle kakhulu. Ukhale ngokuyekelela kwabadlali umdlalo ungekapheli uBrandon Truter oqeqesha iSwallows – kodwa wathi usazingca ngomsebenzi owenziwe liqela lakhe ukuzothi ga ngoku kule sizini. AmaSwayi-Swayi oyiswe kukubambelela kwigowuli elifakwe nguRuzaigh Gamaldien emizuzwini emihlanu umdlalo uqalile kwisigaba sokuqala.

Amagowuli ephumelele ngawo iTS Galaxy afakwe nguLindokuhle Mbatha noBevan Fransman sekuphela ixesha lomdlalo. “Sidlale kakuhle imizuzu engamashumi asibhozo anesihlanu – kodwa yabuya ekugqibeleni iTS Galaxy. Emizuzwini yokugqibela, bebehlasela ngesihlanu sonke sabadlali batsho bafumana amagowuli ngenxa yeempazamo esizenzileyo. Nangona kunjalo, ndiyazingca kodwa ngomsebenzi owenziwa ngabadlali bam. Benza umsebenzi omhle kakhulu kule sizini. Bayithi nca indoda kube nzima nakweliphi iqela esidlala nalo. Sizamile ukumelana nendlela ebidlala ngayo iGalaxy. Andibasoli nganto abadlali bam,” utshilo uTruter emva komdlalo.

“Sekuphele unyaka wonke singayazi into yokubethwa emdlalweni. Mhlawumbi, le yindlela yokusikhumbuza ukuba sisabetheka nathi,” utshilo uTruter ephendula umbuzo ngoxinizelelo emidlalweni elandelayo. Kulindeleke iSwallows ikhuphele umsindo kwiTshakhuma Tsha emdlalweni ongeCawe ngo-15:00 eDobsonville Stadium.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Lwesihlanu: SuperSport United vs TS Galaxy @Lucas Moripe Stadium, 17:00

Mgqibelo: Bloemfontein Celtic vs Maritzburg United @Dr Molemela Stadium, 17:00; Cape Town City vs Stellenbosch @Cape Town Stadium, 15:00

Cawe: Black Leopards vs Golden Arrows @Thohoyandou Stadium, 15:30