Noxolo Grootboom: ‘IsiXhosa sibeka ukutya etafileni’

IGQALA kufundo lweendaba zesiXhosa kumabonakude, uNoxolo Grootboom, uthi ulwimi lwesiXhosa aluphelelanga nje ekumphiliseni, koko olu lwimi lubangela ukuba kubekho ukutya etafileni kwakhe.

Ebethetha kwinqaku elimalunga naye kwiindaba zesiXhosa zikaSABC 1 ngoMgqibelo.

UGrootboom uthabatha umhlalaphantsi emva kokusebenzela iSABC iminyaka engamashumi amathathu anesixhenxe. Waqala eSABC ngo1983 esebenza njengomchwethezi (typist).

Ukufunda iindaba, ukuqale mhla kwagula uThandi Mesatywa owayefunda iindaba zesiXhosa kulo msasazeli woluntu.

“Kwenzeka ukuba kwicandelo leendaba zesiXhosa, usisi Thandi Mesatywa agule. Ndacelwa into yokokuba ndiyobambela usisi Thandi. Ndazifunda (iindaba) kusuku lokuqala, ndafumana ifowuni evela kusisi Thandi. Into awayithethayo yandikhalisa iinyembezi, kuba wathi ‘Noxolo, akukho apho uya khona, nantsi indawo obubekelwe yona’. Usisi Thandi [zange] athi ndiza kumthathela indawo,” utshilo uGrootboom, ethetha necandelo leendaba leSABC.

Lo makhwekhwetha, ethetha ngokubaluleka kolwimi lwesiXhosa, uthe: “IsiXhosa ndiqale ukusixabisa ngokufumanisa into yokokuba siyandiphilisa. IsiXhosa sibeka ukutya etafileni. IsiXhosa sifundisa abantwana bam.”